Itswele

© Louise Brodie

Igama le sayensi: Allium cepa
Igama eliqhelekileyo: Itswele
Sele kuzi Sentyuri ezininzi amatswele esetyenziswa njengokutya, kwaye akholeleka ukuba intsusa yawo ise Ntshona Asia.

Inkcazelo Ngesityalo

Amatswele zi-herbaceous biennial ezikusapho lwe Liliaceae, nezithi zikhuliselwe amagaqa azo atyekayo. Isiqu sesi sityalo zimbaca apha ngezantsi kwaye amagqabi ambhuntshuntshu amile okwe ziqu apho amaxolo akhweleneyo. Amagqabi asenokuma nqo okanye akekele kwaye kubakho amagqabi aphakathi kwesithathi ukuya kwisibhozo kwisityalo ngasinye.

Imisebenzi

Amatswele alinyelwa ukusetyenziswa kwamagaqa awo. Avuthiweyo naselula atyiwa ekrwada okanye aphekwe, enzelwa ukufaka incasa ekutyeni. Kukwenziwa ngawo i pickles ,isuphu okanye kwenziwe ngawo imicezu yetswele eyomisiweyo. Maxa wambi ezi zityalo zisetyenziswa njengezikhuseli kwizinambuzane ezihlasela eminye imifuno esegadini.

Umhlaba Awudingayo Nokulungiselwa Ukutyalwa

Amatswele akhula kakuhle kwisanti eyomileyo ukuya kumhlaba oludaka. Akholwa imo ezine aside kunye namaqondo e-pH aphezulu. Nabalelwa phakathi kwe 5.5 kunye ne 6.5. Ubunzulu bomhlaba wokutyala kufanele ubengama 600mm.

Imo Yezulu

Amatswele ayakwazi ukumelana neqabaka. Adinga imo zezulu ezipholileyo ngethuba lokukhula. Ze kulandele imo zezulu ezi shushu, nezomileyo xa kusondele ilixa lokuba zigqibelele ukukhula pha ekuqaleni kwehlobo. Awona maqondo obushushu alungele ukukhulisa amatswele aqala kwi 12°C ukuya kuma 24°C, kunye namaqondo asesphakathini aphakathi kwi 7°C and 29°C kanye ngenyanga.
Amaqondo obushushu aphezulu enza kukhawuleze ukukhula amagaqa ze amaqondo obushushu asezantsi akhuthaza ukudubula kwentyantyambo kwesisityalo. Iimvula zentwasahlobo zinciphisa umgangatho wamatswele, zikwehlisa lowo sele ukhona.

Ubude Bemini

Amatswele anochuku kwimitha yelanga. Ukukhula kwamagaqa kuxhomekeka kubude bemini, kwaye aqala ukukhula xa ukukhanya kwemini kugqithe ubuncinane bomlinganiselo othile. Amatswele emini ezimfutshane adinga umlinganiselo othile omfutshane wokukhanya kwaye kucetyiswa ukukhuliswa kwamatswele emini ezimfutshane kuphela.
Iindidi zamatswele
(Short Day) Granex 2000, Hojem, Pyramid, Texas Grano, 502 PRR, Early Copper

Translated by Zizipho Silwana