Ukukhathalela Isityalo se Tswele
Ukukhathalela Isityalo
Sukuvumela umhlaba wome nko kuze akhule ngokwaneleyo, kodwa khumbula ukuba amatswele anochuku kumanzi adamileyo. Kwintsimi ezityalwe emqengqelezini, ulumke ungayeki izityalo ezisemazantsi ukuba zidame amanzi, kuba oku kuzakuzijika zibe tyheli kwaye zihlale zingakhuli. Ukuncothula ukhula kufuneka kwenziwe ngononophelo phakathi kwezityalo ngaphandle kokuphazamisa iingcambu okanye ukonakalisa amagqabi.
Ukutshintsha - Tshintsha Kwesityalo
Inkqubo yokutshintshwa kwezityalo ezingafaniyo kuyakhuthazwa noba kukanye emva kweminyaka emithathu ukuya kwemine, ukuze kunciphe izinga lokwakheka kwezonakalisi nezifo eziphuma emhlabeni.
Isivuno - Iitoni kwi hekthare nganye
Kongalungiswanga: 15 to 20 iitoni
Kophakathi: 25 to 30 iitoni
Kolungisiweyo: 40+
Ukuvunwa
Kwiigadi ezincinci, ungavuna amatswele xa sele amagqabi onke (100%) sele evelile. Ze kwindawo ezinkulu nakumasimi oshishino, vuna xa sele icala (50%) samagqabi sele evelile. Xa sele kufikelele kweli lixa, musa ukushiya izityalo emhlabeni ixesha elide. Phakamisa amatswele ngokuvunguza umhlaba ngefolokhwe okanye isixhobo sokuvuna. Qokelela izityalo, enza iibhantshi uze ubophe amagqabi aqine. Waxhome kuphahla lwendlu yokuwagcina ukuze ome. Xa sele intamo yegaqa yomile ngokugqibeleleyo, amagqabi angasikwa ze amagaqa etswele abekwe elugcinweni.
Ukuwagcina
Xa sele amatswele omile aze acocwa, wagcine kwindawo epholileyo, eyomileyo nengena umoya ngokwaneleyo. Amatswele kufanele akhule ngokugqibeleleyo, ome, kwaye abe awonakalanga. Guqula amagaqa rhoqo ukuze onke amacala abenokufumana umoya nokukhanya ngokwaneleyo. Wapakishe ungagqithi kwi 1 cm kwaye ususe kwagaqa elibonakalisa iimpawu zokubola.
IzonakalisiThrips
IzifoDowny Mildew, purple blotch, pink root, leaf mould, black mould, soft rot, white bulb rot, basal rot.
Translated by
Zizipho Silwana