Ukutyala Itswele eliyi Leek

© Louise Brodie

Usasazo

Usasazo lwenzeka kwimbewu.

Indlela Yokutyala

Oluhlobo lwetswele linga tyalwa ngqo entsimini okanye lilinyelwe kwitreyi zezithole zikhule phantsi kwezindlu ezihlaza. Xa izithole zibubude obungama 15cm emveni kweveki ezintandathu, zityalwa emasimini okanye egadini. Inkoliso yabathengisi ikhetha ukutyala izithole kuba oku kunikeza isiqinisekiso ngobuninzi besivuno ngokwe hectare kwaye isivuno sikhawuleza sivunwe kwaye siye sifane.
Ukutyala oluhlobo lwetswele ngesandla ngumsebenzi omninzi kwaye uyabiza ngokwe mali. Zombini iindlela, ukutyala izithole ngqo nokuzityala ngenye indlela zingenziwa ngomatshini. Ukufumana izikhondo ezintle ezimhlophe ezinde kugcono ke wenze imiqolo yokutyala engu 15 cm ubunzulu ze utyale izithole ezantsi kwalomngxuma wakugqiba wogqume iingcambu nesikhondo emveni kokutyala. Emveni kweveki ezine xa ziqala ukuvela izityalo umhlaba ungonyusa ukuze wogqume ingcambu nesiqu. Obona bude bamkelekileyo bokogquma ingcambu emhlophe ngu 15cm ukuya ku 20 cm.
Xa uzama ukutyala ngqo, ulawulo lokhula lubayigxaki xa lisaqala ukukhula. Ngesisizathu, ukutyala izithole zoluhlobo lwetswele kuxhaphake kubathengisi kuba lwenza ulawulo lokhula lube ngcono phambi kokutyala.

Ukuqelelana

Izityalo zingatyalwa ziqelelane go 15 cm kwimiqolo engama 30 cm okanye 50 cm nemiqolo ebanzi eshiyelwe ukuhamba iteletele kwaye yenze itrafiki xa kunyanzelekile. Oku kungavelisa amatswele angama 120 000 ukuya ku 200 000 wezityalo nge hectare.
Amatswele ase mancinci atyalwa kufuphi asondelelane kuba ixesha lazo lokukhula lifutshane kwaye ukhula alufane lubeyingxaki.

Ixesha Lokuhlwayela

Ukuhlwayela itswele nge treyi zezithole kwenziwa phakathi kwe veki ezintandathu ukuya kwezi sibhozo phambi kwexesha lokutyala izithole. eMzantsi Afrika amaxesha amabini okuhwayela amatswele athandwayo kusekuqaleni ko kwindla, ukususela ekuqaleni kuka matshi ukuya ekuqaleni ku April, kwakhona ekupheleni kobusika ngo Julayi no August.

Ixesha Lokutyala

Iizithole zetswele ziyatyalwa ngo April no May kwakhona ekupheleni kuka August no September.

Ixesha Lokukhula

Imbewu etyalwe ngqo yetswele ithatha iinyanga ezitandathu ukuze zilungele ukuvunwa. Xa imbewu ityalwe ekuqaleni kuka matshi, ilungela ukuvunwa ngo August okanye September. Xa izithole ezikhule kakuhle zityalwe phakathi ku April okanye ekuqaleni ku may zingakulungela ukuvunwa ekupheleni kuka July okanye ekuqaleni kuka August.
Ukutyala izithole zetswele kunoku hlwayela konga inyaka yonke kulawulo lesivuno, ixesha nemali. Amatswele amancinci avunwa ngokukhawuleza kwiveki ezisibhozo ukuya kwezilishumi emveni kokutyala izithole.

uKuchumisa

Njengoko kukhankanyiwe kulungiso lomhlaba kuyacetyiswa ukuthatha intwana yomhlaba unikeze abo baziyo ukuze ubenokuqinisekisa okokuba izinongo kulondawo ufuna ukutyala kuyo.
Oku kulandelayo kuyacetyiswa kwaye kuqhelekile kwaye kunga landelwa xa kuchunyiswa isivuno setswele. Iveki phambi kokutyala izithole, faka ama 250 ukuya kuma 300 kg we 2:3:4 (30) ngokwe hectare xa ulungisa ibhedi yezityalo phezulu kumhlaba wama 20 cm. oku kunikeza izinongo kumhlaba kwangoko emveni kokutyala izithole zetswele kwaye izakunikeza izityalo amandla okuqala ukukhula kakuhle nokunceda umvandedwa xa zitshintshwa.
Xa uhlwayela imbewu yetswele, faka isichumisi sokuqala kumqolo wezityalo, ngokukhawuleza xa izityalo ziqala ukuvela. Emveni kweveki ezimbini okanye ezintathu, sasaza ngokufanayo isichumisi kwimiqolo yezityalo.
Emveni kwezinye iveki ezimbini ukuya kwezintathu, Phinda ufake okwesithathu ama 250 kg we hectare ze LAN (28) ingasasazwa kwimiqolo yezityalo. Oku kufanele kwanele ukuze isivuno sivuthwe silungele ukuvunwa. Khumbula ukulawula ukhula kuba lubulala izinongo ezifanele ukufunyanwa zizityalo.

Ukunkcenkceshela

Faka 10mm wamanzi usuku phambi koku tyala izithole zetswele ne 10mm ngokukhawuleza emveni kokutyala. Ukunkcenkcshela ngeveki ngama 20 mm no 30 mm zohlulwe kubini kathathu kwiveki yonke kungonela ukuqinisekisa ukukhula ngexesha lokukhula lonke. Kubalulekile ukugcina umhlaba ufumile kodwa ungadami amanzi.

Translated by Zikhona Plaatjie