uLawulo lweSivuno seTswele eliyi Leek Elinamagqabi

© Louise Brodie

uJikeleziso Lwesivuno

Itswele elinamagqabi alihluthisi kwaye alidingi zondlo kunezinye izityalo. Olu hlobo le tswele ke lungatyalwa emveni kokutyala ezinye iintlobo zemifuno. Inkoliso yezivuno ingatyalwa emveni kwelitswele ngaphandle kwe mbotyi nezinye iintlobo zetswele.
Isivuno (iitoni ngokwe hectare)
Amatswele agqibeleleyo ukukhula abubude obuphakathi ko 12 cm ukuya ku 15 cm kwizikhondo ezimhlophe nobubanzi obungu 2cm ukuya ku 3cm.

Okuncinane: iitoni ezilishumi elinesihlanu (15)
Okuphakathi: iitoni ezingamashumi amabini anesihlanu (25)
Okulungileyo: iitoni ezingamashumi amane (40)

uKuvuna

Iixesha lokuvuna lixhomekeke kubungakanani kunye nohlobo letswele elidingekayo ngenjongo zentengiso. Amatswele avuthiweyo, agcweleyo, kuvunwa xa izikhondo ezimhlophe zetswele zingama 150 mm ubude nobubanzi obuphakathi kwama 20 mm ukuya kuma 30mm. amatswele amancinci aye avunwe xa ebubu banzi obulishumi ukuya kwishumi elinesihlanu.
Ukuvuna amatswele amakhulu kwintsimi enkulu kusetyenziswa umatshini. Omatshini bangoku benza umhlaba uthambe kwaye unqumla iingcambu ngaphantsi kwezikhondo ezimhlophe kwaye ziphakamise itswele emhlabeni nangaphezulu kwamagqabi etswele.
Oku kungenziwa ngesandla xa abasebenzi bonele, ngokuthi bahlakule umhlaba ongqunge ingcambu ngefotsholo okanye umhlakulo okanye bazitsale nganye ngesandla. Emveni kokutsala itswele iingcambu ziya chetywa ngoku ngange 10 mm kwaye zivaswe, ze zipakishwe kuma kreyithi kwindawo epholileyo phambi kokulungiswa zipakishelwe ukuthengiswa.

uKugcinwa

Olu hlobo lwama tswele lungagcinwa iinyanga ezintathu kubushushu obungu 1℃ ukuya ku 2℃ kukufuma obungama 85%+. Amatswele ekufanelwe agcinwe kwindawo ebandayo ngoku khawuleza emveni kokuvuna.

Iinkumbi

Aphids, Cut worms, Snails, Thrips

Izifo

Phytophthora, Rust, White rot.
Kulungile ukudibana nalowo usebenza ngezityalo okanye ngokhuseleko lwezityalo ukuze anikeze ngengcebiso ngokhuseleko nonyango lwesivuno.

Translated by Zikhona Plaatjie