Ukutyala Impepho

Usasazo

©Louise Brodie

Usasazo lwe mpepho lwenzeka kwimbewu kodwa ke impepho ingasasazwa ngokuthi kutyalwe ihlahlana elisikwe kwisityalo okanye zityalwe ngengcambu. Ukutyala imbewu kuthabatha ixesha elide kwaye izityalo zi ngangalingani ngobude nobukhulu. Kungcono ke okokuba ufake imbewu kwi treyi kwindlu ehlaza ukuze kutyalwe izithole zilingane.

Ukutyala nokuvelisa izityalo zempepho kuvuneka zibe zibubude obungu 20 cm kwaye zibe zisuswe kwezi sandula ukukhula kwaye ususe ezantsi kwisikhondo segqabi, ze uyifake emanzini ngalendawo yesikhondo segqabi, ijonge ezantsi. Xa sele usike ezaneleyo, lungisa indawo yokutyalela. Ngesiqhelo ke oku ibangumxube wesanti kunye nomhlaba kwi begi yesityalo engama 500 ml. Nxuza indawo ezimanzi zesityalo ezisekugqibeleni kumxube owaziwa ngokuba yi ‘plant hormone mix’, tyala ke kwivazi yesityalo. Emveni kweveki ezimbalwa zizakuba nengcambu kwaye xa izithole ze mpepho zikhula kakuhle ziyakhutshwa emhlabeni.

Indlela Yokutyala

Ukutyalwa kwe mpepho ngabathengisi abakhulu kwenziwa ngokutyala izithole eziveliswe kwizindlu eziluhlaza (greenhouse). Imbewu yempepho ityalwa kwi treyi zezithole kubude obuya ezantsi obungu 8 ukuya ku 10 millimetres. Xa imbewu sele idubulile kwaye izithole ezomeleleyo sele zikhulile ziyathatyathwa zityalwe emasimini. Xa iibloko sele zenziwe, ingalicebo elihle ukuqalisa ukwenza izityalo ngoku nqumla amagqabi uwatyale, ukwenzela xa izityalo zilahleka okanye ziqalisa ukwenza umsantsa kwimiqolo yezityalo. 

Ulwahlulo

Izityalo zempepho zikhula zifane nebhola engama 650 mm ubude  nobubanzi obungama 500 mm kunye no 600 mm. Xa utyala, izithole kufuneka zahlulwe ngo 30 cm kwimiqolo engu 50 cm okanye 60 cm ukuqelelana. Esi ke sisi tendi sama 50 000 ukuya kuma 60 000 wezityalo ngokwe hektare. Kuxhomekeke kwinqwelo mafutha kunye nendlela zokuvuna, kuye kushiywe indlela yokuhamba itele-tele ngenjongo yezenzo zolawulo nokuvuna. 

I-Xesha Loku Hlwayela

Hlwayela imbewu kwitreyi zembewu kwindawo ekhuselekileyo okanye kwindlu eluhlaza ngexesha lenyanga ka June eMzantsi Afrika, ekuqaleni kwe ntwasahlobo izithole ze mpepho kufanele zibe sele zomelele ngokwaneleyo ukuba ziyokutyalwa emasimini.

Ixesha Loku Tyala

Elona xesha lilungileyo lokutyala izithole zempepho kusekuqaleni kwe ntwasahlobo. Kweli lo Mzantsi Afrika kuthetha okokuba kuzakuba sekupheleni kuka August ukuya ekuqaleni kuka September. Xa ekuqaleni kokwindla kushushu ngokwaneleyo, kungatyalwa, oku balulekileyo kukuba izityalo zihlale kwaye zikhule ngo komelela phambi kokuba ingqele yasebusika iqalise.

Ixesha Loku Khula

Ixesha elingange veki ezintandathu ukuya kwezilishumi kwindlu eluhlaza kungavelisa izithole ezomeleleyo ze mpepho esele zikulungele ukukhutshwa zityalwe entsimini. Abanye abavelisi baqalisa ukuvuna kwa ngenyanga ezine ngokuthi bakhuphe izithole. Kufuneka uqaphele okokuba ungavuni ugqithisele kunyaka wokuqala kuba oku kungabeka izityalo zempepho phantsi koxinzelelo. Uvuno olupheleleyo lwenzeka ehlotyeni lonyaka wesibini. Izityalo zempepho zingavunwa ukuyokuma kwiminyaka emithandathu nangaphezulu xa zilawulwa kakuhle. Ukusuka kunyaka wesibini, izityalo ziya sikwa kakuhle zibengu 10 cm phezu komhlaba ekuqaleni kwe ntwasahlobo.

Ukuchumisa

Phambi kokuba utyale, kufuneka uthabathe isampula yomhlaba uyihambise iyokuhlolwa. Ukwenza oku kuzakunceda ukuba ulazi uhlobo lomhlaba kunye nezidingo zezinongo zomhlaba (nutrients) ezifunekayo ukuze isityalo sempepho sikhule kakuhle.

Lengcebiso ilandelayo inga setyebenziswa kwinkqubo eqhelekileyo. Okokuqala ufake 300 kg ngokwe hektare kumlinganiselo we 2:3:4 (31) ingasasazwa ifakwe ngaphezulu kumhlaba ongama 20 cm phambi kokutyala izithole ze mpepho. Oku kunikeza izithole ezisentsha isiqalo esihle ukuba zizikhulele. Kwinyanga zokuqala ezilishumi nambini (12), kubalulekile ukugcina izityalo zikhula, yiyo lonto ukuphinda ufake umlinganiselo ongu 300 kg ye 2:3:4 (31) kwimiqolo engqonge isityalo, ngo December okanye January emveni kokuvuna. Kuyacetyiswa okokuba uchumise umhlaba rhoqo emveni kokuvuna. Kubalulekile okokuba ungachumisi kakhulu ugqithise nge nitrogen kuba oko kungehlisa ivumba kunye ne oli kumagqabi.

Unkcenkceshelo

Nangona isityalo sempepho saziwa njenge sityalo esomeleleyo kwaye esonga amanzi akulunganga ukusifaka phantsi koxinzelelo ngokuthi usinkcenkceshele kancinci, ze oko kuchaphazele ukukhula kwesityalo nemveliso. Ukunkcenkceshela kakhulu kungenza izifo zengcambu.

Kulungile ke ufakela izixhobo zokulinganisa ukufuma ukuze uhlale ulinganisa ubungakanani bamanzi emhlabeni.

Kuxhomekeka kuhlobo lomhlaba nesimo sezulu, ubungakanani bokunkcenkceshela buzokohluka ngokwe ntsimi. Umlinganiselo olungileyo uphakathi ko 20 no 30 mm ngeveki ngexesha lenyanga ezishushu zase hlotyeni nokwehlisa ngamaxesha onyaka apholileyo okanye inyanga ezinethayo enyakeni. Nanje ngoluphi uhlobo lwechiza okanye isityalo esine oli, zama uku ngankcenkcesheli iveki phambi kokuvuna. Kulungile ukunkcenkceshela ngoku khawuleza emveni kokuvuna ukuze umhlaba ubuyele kumazinga okufuma alungileyo. Kubalulekile okokuba umhlaba ukhameke kakuhle ngoko hlobo lwe ngcambu yawo nomphezulu ongu 5 cm owomileyo phambi kokuba unkcenkceshele.

Translated by Zikhona Plaatjie