Ukutyala I-Cucumber

© Louise Brodie

Usasazo

Usasazo lwe cucumber lwenziwa nge mbewu.

Indlela Yokutyala

Amasimi
Indlela eqhelekileyo yokutyala icucumber kukutyala imbewu kwaye oku kungenziwa ngesandla okanye nge nqwelo zokutyala. Kungatyalwa kwindawo ezenziweyo zokubeka izithole ezininzi okanye izithole ze cucumber ezikhuliselwe kwizindlu ezihlaza.
Izindlu Eziluhlaza (Greenhouse)
Ukutyala i-cucumber kwizindlu eziluhlaza kwenziwa ngokutyala ngqo nangokutyala ngoku khuphela izityalo. Eyona ndlela ingabizi ixabiso eliphezulu kukutyala imbewu kuba amaxabiso okuqasha adityaniswa nokukhuphela izityalo aphezulu.

Ulwahlulo

Izityalo ezisentsimi ze cucumber kufuneka zohlulwe ngo 30 cm ukuqelelana kwimiqolo engu 100 cm ukwahlukana. Izityalo ezingama 30 000 nge hektare. Phantsi kwezinye iimeko, ukuyo kuma ku 60 000 yezityalo ngokwe hektare zingatyalwa. Ukukhanya okuqhakazileyo kubalulekile kwizityalo ezideki. Maxa wambi kusetyenziswa izikhanyisi ezingezizo.

Ukuhlwayela kunye Nexesha Lokutyala

Ukutyala imbewu ye cucumber emasini kunye nezithole kwenzeka emveni kwe khephu lokugqibela, oko kwezeka ekupheleni kuka August okanye ekuqaleni kuka September eMzantsi Afrika.
I-Cucumber eveliswa kwindlu eluhlaza zingatyalwa unyaka wonke, ukuba ukukhanya kwanele.

Ixesha loku Khula

Ukudubula nokunona okufanayo kwezityalo kufuna ubushushu bomhlaba bube gu 16°C. Ku 16°C izithole ze cucumber zithabatha iintsuku ezingama 14 ukuba ziphume nobushushu bomhlaba obungu 20°C iintsuku ezi 6 ukuya ku 7.
I-Cucumber ezincinci kunye ne gherkins zilungela ukukhiwa kwiveki eziyi 6 ukuya ku 8 emveni kokuba zintshulile. Icucumber ezingu mlinganiselo oqhelekileyo xa sele zikhulile zilungela ukukhiwa ukusuka kwiveki ezisibhozo (8) ukuya kwezilishumi (10) emveni kokuba zintshulile. I-Cucumber zikhula ngoku khawuleza emveni kokuba zikhiwe okokuqala, yiyo lonto kufuneka zikhiwe rhoqo, kwaye ngexesha.

Ukuchumisa

Kubalulekile ukuhlala uthabatha isampula yomhlaba wendawo ezakutyalwa. Iisampula mazihlolwe ukuze kulandelwe iingcebiso zalowo uyingcaphephe kwizivuno. Umxube wesichumisi esingu 3:1:5 ngowona ungcono kwi cucumbers ngenxa yemfuneko ye Potassium.
Ngenxa yokuba unkcenkceshelo lwe driphu lilungile kwimveliso ye cucumber eyona ndlela ingcono yokufaka isichumisi kukunkcenkceshela ngayo ixutywe namanzi. Oku kunceda okokuba isichumisi siyengqo kwingcambu rhoqo. Kuba abavelisi abaninzi basebenzisa ukogquma isityalo ngendlela yokuthintela ukhula, unkcenkceshelo lungenziwa phambi kokogquma izityalo.
Kubalulekile xa ugqibezela ukulungisa umhlaba nendawo okokuba ufake isichumisi phambi kokutyala esingama 500 kg we 3:1:5 ye hektare kunye no 300 kg we superphosphate ngokwe hektare kwindawo yesityalo. Konke oku kuzakunikeza izithole initrogen eyaneleyo ukuzincedisa zikhule kwangoko. Kubalulekile nokuqonda imfuneko ze zezinongo kuhlolo lwakho lomhlaba ze udibanise oku nesidingo sesivuno sakho. Kubalulekile okokuba isityalo sibene zinongo ezanaleyo xa siba yintyatyambo nesiqhamo. Xa kuvela iingxaki oku kwenza okoba iziqhamo zingakhuli nelahleko yesivuno.
Xa isityalo siqalisa ukunaba zenze isityalo zinabe, ama 250 kg we 3:1:5 ngokwe hektare singalungiswa ecaleni kwebhedi yesityalo. Emveni koku, kungafakwa umlinganiselo ofanayo wezinongo ungafakwa phambi kwexesha lemveliso. Izifafazi ezifakwa kumagqabi zingafakwa endaweni ye (micronutrients).
Eyona ndlela engcono yokuchumisa kusetyenziswa izichumisi zamanzi ngendlela yokusebenzisa amanzi. Esingangxengwanga zikhuphe kancinci zilungile, zinikeza izinongo rhoqo kwisityalo.

Unkcenkceshelo

Ukufaka amanzi kubalulekile kwimveliso entle yesivuno, amaxesha oxinezeleko kufuneka kuzanywe ukuba athintelwe, kwintsimi kufuneka kunkcenkceshelwe rhoqo kusuku lwesibini okanye yonke imihla maxa wambi. Zombini I (micro irrigation) kunye ne (drip irrigation) zingasetyenziswa kodwa unkcenkceshelo ngaphezulu kufuneka lungenziwa kuba ukumanzisa isityalo sonke kwenza zibezizisulu kwizifo kwaye oko kungenza unkcenkceshelo olugqithisileyo.
Eyona ndlela engcono kukusebenzisa unkcenkceshelo lwe driphu kuba longa amanzi, kwaye luya ngqo kwisityalo kwaye izichumisi zingafakwa kakuhle ngamanzi okunkcenkceshela. Oku kwenza yonke into ifikeleleke kwisityalo se cucumber.
Ukufakela izixhobo zokuhlola ukufuma komhlaba kungcono kwisivuno esinochuku njengesi kwaye kuvumela ulawulo lwamanzi olu lulo kwaye olungena xinzelelo.

Translated by Zikhona Plaatjie