Ulawulo lwe Sivuno se Cucumber

© Louise Brodie

UJikeleziso lwe Sivuno

Tyala iimbotyi okanye ibrassicas emveni kwe cucumbers.

Umyinge - Iitoni ngokwe hektare

Okuncinane: 15 ukuya ku 20 wee toni
Okuqhelekileyo: 20 ukuya ku 35 wee toni
Okulungiley: 50 wee toni + nangaphezulu
Imveliso yezindlu eziluhlaza (greenhouses) ingadlula ama 500 wee toni ngokwe hektare ngonyaka.

Ukuvuna

Ukuvuna icucumber esencinci kunye nezinye iicucumber ezenziweyo kusetyenziswa oomatshini bokuvuna. Oku kwenzeka kanye kwiveki ezi (8) emveni kokuba zintshulile.
Ukuvuna entsimini icucumber esentle kuvunwa ngesandla nangomatshini bokuvuna.
Kwizindlu ezihlaza kuvunwa ngesandla.
Ukuvuna kuqaliswa kwiveki eziyi 9 ukuya kweziyi 10 emveni kokutyala iqhubeke xa isityalo sidubula sivelise iziqhamo. Icucumber kwintengiso ezithengisa zisentle kufuneka zivunwe kabini evekini ubuncinane. Ukuvuna kungaqhubeka iiveki ezimbini. Kubalulekile ukuvuna iziqhamo ezivuthiweyo ngoku khawuleza kuba ukuziyeka kwisihlahla kuvalela okokuba kukhule ezinye iintyatyambo kunye neziqhamo.
Beka iziqhamo kwindawo epholileyo ngoku khawuleza xa ugqiba ukuzikha.

Ukugcina

Kungcono ukuzikha i-cucumber, zihanjswe, zithengiswe okanye zityiwe ngoku khawuleza. Xa zigciniwe okanye zihanjiswa kufuneka zigcinwe ku 10°C ukuya ku 12°C nokufuma okungapha ko 90%. Phantsi kwezimeko, i-cucumber zingahlala ukuyokuma kwintsuku eziyi 14.

Iinkumbi

Aphids, leaf beetles, Pumpkin fly, slugs, snail Spider mite kunye ne Wireworm.

Izifo

Anthracnose, Downey mildew, Fusarium wilt, Mosaic virus, Phytophthora, kunye ne Powdery mildew.

Translated by Zikhona Plaatjie