Ukutyala iChilli Pepper
Usasazo
Usasazo lwe Chilli lwenzeka kwi mbewu.
Indlela Yokutyala
Imbewu ingalinywa ngqo kodwa ke amafama amaninzi awenzi ngoluhlobo. Imbewu ityalwa ngee bhedi ezenziweyo okanye iitreyi zembewu kwindawo ezikhuselekileyo okanye kwizindlu eziluhlaza ngombala.
Imbewu iyahlwayelwa kwenzeke izithole. Xa izithole sele zingapha kwe 15+ ubude kwaye zomelele ziye zifakwe emadlelweni okanye kwizindlu eziphakathi ezenziweyo eziluhlaza. Kusetyenziswa amaxolo aphilayo okanye okanye kwi plastiki yomgquba kwimiqolo yezityalo yehlisa umophu, ilawula ikhula yenza shushu kwaye ilawula ubushushu bomhlaba.
Ukwahlula – Hlulwa
Amahlathi amancinci ahlula hlulwa ngo 30 cm kwimiqolo engama 50 cm ukwelulwa kwimiqolo ukuze kubekho indawo ephangaleleyo kwimiqolo emibini ukuze izixhobo zokulima nabasebenzi bakwazi ukuhamba hamba kwaye nelanga lifikelele.
Izityalo ezinkulu zihlulwa ngo 50 cm kwimiqolo ehlulwe ngo 60 ukuya ku 75 we cm. oku kufuna izityalo ezingu 20 000 ukuya ku 50 000 nge hectare kuxhomekeke kuhlula hlulo nohlobo lwe pepper elikhethwe ngumlimi.
Ixesha Loku Hlwayela
Kwindawo ekhuselekileyo efana nendlu eluhlaza ngombala okanye apho ubusika nentwasa hlobo zishushu ukutyala imbewu ye Chilli kungaqala ngeye Khala. Xakusenziwa izithole ngaphandle okanye kulinywa ngqo, imbewu ihlwayelwa ekupheleni kweye Thupha neyo Msintsi ukuphosa isimo sezulu esibandayo entwasa hlobo.
Ixesha Loku Tyala
Emveni kweveki ezintlanu ukuya kweye sine emveni koku lima imbewu yechilli, izithole zingakhutshwa xaziphakathi ko 15 no 20 cm ubude. Khetha izityalo ezomeleleyo kwaye zama ukukhetha izityalo ezilinganayo.
Oku kwenzeka ekupheleni ku Julayi xa isimo sezulu sishushu ukuya phakathi ku septemba. Ukutyalwa kungenzeka de kubesekupheleni ku Novemba, ukuya isimo sezulu sase kwindla singekho shushu kakhulu.
Ixesha Loku Khula
Ukususela kwimbewu ukuya kwi green pepper yokuqala okokuba ikulungele ukuvunwa kungathatha ixesha eliyokuma kwii veki ezilishumi nesithandathu. Iichilli peper ezibomvu ezintsha kungathatha inyanga ezintlanu ukuya kwezintandathu, xa izityalo ziyekelwe isivuno se chilli pepper ezibomvu ezomileyo, kwinyanga ezintandathu ukuya kwisibhozo ukususela kwixesha lokutyala imbewu, kuxhomekeke kwisimo sezulu. Ichilli pepper ezibomvu ezomileyo zingaveliswa kwindawo ezomileyo ezingenawo amathuba emvula kwichilli pepper ezomileyo ehlathini.
uChumiso
kucetyiswa okokuba kungcono umhlaba uhlolisiswe ngulowo usebenza ngezolimo nomcebisi malunga nokuchuma komhlaba phambi kokutyala. Umthetho oqhelekileyo ngokuchumisa ichilli pepper uyalandela: qinisekisa umhlaba ukhofolwe kakuhle kwaye wagangathwa. Xa kukhofolwa okokugqibela, kusetyenziswa isixhobo idisc plough okanye I’rotavato’.
Faka isichumisi phambi kokutyala esingumlinganiselo ophakathi ko 500 no 800 kilograms ze 2:3:4 (30) (umxube we Nitrogen, Phosphates, ne potassium) kumhlaba ongaphezulu nge 20 cm. xa kusetyenziswa unkcenkceshelo lwe driphu kungcono ukufaka umlinganiselo olinganayo kwisichumisi esingamanzi, kwiveki ezine zokuqala emveni koko umane ufaka njengoko zikhula ukuyokuma kuvuno lokuqala lwe chilli pepper yokuqala.
Ufafazo okanye unkcenkceshelo lwesikhukhula faka umlinganiselo we 250 kg ye LAN nge hectare kwiveki ezintandathu emveni kokutyala. Xa kuphindwayo, umlinganiselo ungohlulwa kubini 150 kg kwiveki ezintandathu kwakhona kwiveki ezisibhozo ukususela ngexesha lokutyala.
Unkcenkceshelo
Emveni kokutyala, nkcenkceshela umlinganiselo ongange 15 mm ngeveki kwiveki zokuqala ezintathu emveni koko nkcenkceshela phakathi ko 30 no 40 mm yamanzi ngeveki kwixesha ikhula. Kucetyiswa okokuba kufakwe izijongi mhlaba ukufuma kwawo. Uninzi lwengcambu luku 40 cm yomhlaba. Ifotsholo okanye I’hand auger’ zingasetyenziswa ukujonga umhlaba.
Eyena ndlela engcono yokunkcenkceshela yi kukunkcenkceshela nge driphu kusetyenziswa iplastiki oku kunikeza umfama ulawulo ekunkcenkcesheleni nokutyebisa isivuno sakhe. Ukufaka amaxolo kulawula ukhula kunciphise nomophu. Unkcenkceshelo lwezi khukhula kungenza amanzi ame okanye imbalela njengoko kunzima ukuwulawula. Ukunkcenkceshela ngaphezulu kungenza izifo ze fungi nokubola.
Translated by Zikhona Plaatjie