iChilli Pepper ngoku Phangaleleyo

© Louise Brodie

igama le sayensi: Capsicum Frutescens
Amagama aqhelekileyo: Chilli Pepper okanye Chilli

Inkcazelo Yesityalo

Isityalo iChilli sinamagqabi aluhlaza amade, ambhoxo abetsolo ekugqibeleni. Isityalo ichilli singaba kwisihlahla esikhula ukubheka phezulu nge mitha (metre) ubude okanye ezinye iintlobo zifana nehlathi kwaye simbaca emhlabeni. Inkcasa yayo ‘iya baba/qhwetha’ iyatshisa emlonyeni. Ukutshisa kwenziya yi khemikhali icapsaicin ebakhona kwi chilli.

Imisebenzi

Ichilli isetyenziswa xa kuphekwayo izisa incasa nobushushu kwimifuno ephekiweyo okanye kwi mbiza zenyama. Zisetyenziswa zingekomi okanye zomile.

Imfuneko Zomhlaba Nokuwu Lungisa

Zikhetha umhlaba oxubene nesanti ukuya kumhlaba odibeneyo ufunxiweyo amanzi. Iingcambu ziphezulu 30 ukuya ku 40 cm yomhlaba lilonke unkcenkceshelo kufuneka lulawulwe kakuhle ukuthintela ukufuma nomvandedwa emhlabeni, kwaye esisityalo asidibani nokufuma.
Umlinganiselo emhlabeni kufuneka ube phezulu, lilonke iorganic material nomgquba kufuneka uxutywe emhlabeni phambi koku kokutyala. ipH eyiyo emhlabeni kufuneka ibe phakathi ko 6.0 no 7.0.

Isimo Sezulu

Ichilli sisityalo esithanda isimo sezulu esishushu, esingadibaniyo nengqele, ikhephu ukukhula kuya phazamiseka xa amaqondo obushushu engaphantsi ko 15 degrees celcius kodwa namaqondo obushushu angaphezulu ko 35 degrees celcius.
Zikhula kakuhle xa amaqondo obushushu ase mini etshintsha phakathi ko 24 no 30 degrees celcius, awasebusuku entshintsha phakathi 15 no 20 degrees celcius. Xa siqala ukuvuthwa esisiqhamo zikhetha iindawo ezomileyo ezingena mvula, njengoko imvula isenza izifo nengxaki zolawulo lonkcenkceshelo. Inqanda nokoma kwe chilli kwisityalo kwezontlobo zigcinelwa ukuthengiswa okanye zicolwe zomile.

Izilimo

Zininzi izilimo ze chilli kodwa ukukhankanya ezimbalwa: Anaheim, Inchanga, Long Red Cayenne, Trinidad, Long Slim Cayenne, Pendant, Scotch Bonnet, Serrano Spitfire, Habanero, Super Cayenne, Ristra, Supper Chilli, Skyline.
Kuhlala kukho iintlobo ezintsha eziveliswayo, zikhutshwe ezijongene nokuqhwetha, imveliso nokuqinisa ukulwa nezifo nee nkumbi ezitshabalalisayo. Kodwa ke kungcono ukucetyiswa ngulowo usebenza ngembewu nalowo usebenza ngezolimo kwindawo ohlala kuyo unceda ukubona izilimo ezilungele isimo sezulu nemeko omhlaba.

Translated by Zikhona Plaatjie