uLawulo Lwesivuno se Chilli Pepper

© Eric Miller

uJikeleziso Lwesivuno

jikelezisa ichilli pepper naso nasiphi na isivuno esingeyo ‘solanaceous crop’ (ezingadibani nomthunzi wasebusuku).

Isivuno - itoni ngokwe hectare

Ezinqabileyo: Ezintsha - itoni ezisibhozo (8); Ezomileyo - itoni ezimbini (2)
Okuqhelekileyo: Ezintsha - itoni ezilishumi elinesihlanu (15), Ezomileyo -itoni ezintlanu (5)
Okulungileyo: Ezintsha - itoni ezingamashumi amabini; Ezomileyo - itoni ezilishumi Anesihlanu (25) nangaphezulu (10+)
Abathengisi abakhulu bashicilele imveliso engapha kwe toni ezingamashumi amahlanu we hectare.

Ukuvuna

Ichilli evuthiweyo ivunwa ngesandla ngezikere zokuvuna okanye imela kunye nezikhuseli zandla zingasetyenziswa. Kuqala kuvunwe ichilli eluhlaza ngombala emveni kweveki ezimbalwa ichilli emibala bala ingavunwa. Ichilli pepper eyimibala yeyona inexabiso eliphezulu kodwa ilahleko ye pesenti ezingu 20% ubunzima kungalindeleka xa itshintsha kumbala ohlaza ukuya kobomvu.
Ipeppers ezizakusetyenziswa kweminye imisebenzi zivunwa ngomatshini. Ukwenza ichilli eyomeleyo isiqhamo kufuneka siyekwe emasimini, yome elangeni emveni koko ivunwe ngesandla okanye ngomatshini. Abavelisi bamafama abakhulu avuna ngomatshini kuphela. Amasimi ahlukileyo angakhethwa kwisivuno ngasinye kwaye sivunwa kwixesha elilungele ukuvuthwa (luhlaza, bomvu nezomileyo).

Ukugcinwa

Ngenjongo zokugcinwa xa ichilli isandula kukhiwa okanye ichilli pepper ezibomvu sele zivuniwe, zigcinwa kubushushu obungu 10 ukuya ku 12 degrees celcius nokufuma okungu 90%+. Ichilli pepper ezizakuthengiswa zisa sandula ukuvunwa akufuneka zingcinwe ngapha kwe veki ezimbini.
Ichilli pepper ezomisiweyo zingagcinwa ixesha elide phantsi kwesimo sezulu esipholileyo, esomileyo kwaye ezingena umoya owaneleyo apho zingadibani nobumanzi kuba oku kwenza ukungunda kwaye kutshabalalisa isivuno sakho phambi kokuthengiswa. Ichilli ezomileyo xa zigcinwe ixesha elide ziye ziqalise ukuphulukana nombala, nexabiso lazo.

Iinkumbi

Nematodes, Cutworm, American Bollworm, Red Spider, Aphids, ne Thrips Mite.

Izifo

Powdery Mildew, Tobacco Mosaic Virus, Viral Wilt, Phytophthora, Bacterial Wilt, Botrytis Bacterial Ror, Bacterial Spot.
Kuyacetyiswa okokuba udibane nalowo usebenza ngee khemikhali okufuphi nawe kunye nalowo usebenza ngezolimo ukuze akuncede ngohlelo lokukhusela izityalo olupheleleyo.

Translated by Zikhona Plaatjie