uKutyala I-Celery

© Louise Brodie

Ukusasazwa

Usasazo lwenziwa nge mbewu.

Indela Yokutyala

iCelery ingatyalwa ngokuthi kutyalwe imbewu, kodwa abalimi abaninzi bakhetha ukwenza izithole batyale zona. Imbewu ye celery incinci kakhulu yaye ukuyityala ngokulinganayo kunzima kwaye imbewu kufuneka ityalwe ezantsi kumlinganiselo we 3 mm ukuya ku 4 mm. Tyala ngesandla okanye ngomatshini wokutyala.

Ukuqelelanisa

Izityalo kufuneka ziqelelane ngo 15 cm okanye 20 cm kwimiqolo eqelelene ngo 30 cm. kuxhomekeke kwi teletele, ungaqelelanisa ngamavili we teletele, kodwa kushiyeke nje umzila wokuba kuhambe iimoto ezifafazayo zikwazi ukuhamba, kananjalo nomatshini bokuvuna. Konke oku kuyafuneka xa uvelisa izityalo ezingama 100 000 kunye nama 150 000 ezityalo nge hectare, kuxhomekeke nakubume.

Ixesha Lokuhlwayela

Hlwayela icelery ngaphakathi kwi treyi zembewu nge nyanga ye Khala kwaye ungahlwayela imbewu ngqqo endaweni yezityalo uyeke ngenyanga yeThupha. Izithole ezisencinci ze celery akufunekanga zidibane nombethe wasemveni kwemini kuba zingafa izithole kwaye ziye zikulungele ukutyalwa emhlabeni kwiveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo ukususela ngexesha lokutyala.

Ixesha Lokutyala

Ixesha elilungileyo lokutyala izithole ze celery kuphakathi kwinyanga yo Msintsi xa eyona ngqele ibanda kakhulu sele iphelile nombethe sele uphelile. Oku kunganikeza ixesha elaneleyo lokuvuna, phambi kobushushu obungamandla behlobo.

Ixesha Loku Khula

iCelery ithatha Phakathi kweveki ezilishumi elinesibini ukuya kwii veki ezilishumi nesithandathu, xa izithole sele zityaliwe emasimini zilindele ukulungela uvuno. Xa kutyalwe ngqo isivuno sithatha iinyanga ezine ukulungela ukunwa.

Ukuchumisa

Izichumisi (superphosphates) ziyafakwa xa kuqala ukulungiswa umhlaba ngokulima kwiveki ezisibhozo phambi kokutyala. Kwiveki yokugqiela phambi kokutyala, umxube we nitrogen ne potassium zingafakwa kwimiqolo yesityalo, isikhofoli sifakwe ngaphezulu emhlabeni ngo 20 cm. oku kunga ngomlinganiselo wama 500 kg ukuya kuma 750 kg we 1:0:1 (36) kwaye oku kunikeza izithole izinongo zokusikhulisa nokomeleza iingcambu ukuba zikhule kwinyanga yokuqala.
Kwiveki ezine emveni kokutyala icelery ukuphinda kufakwe ama 300 kg kwi 1:0:1 (36) kungenziwa kumqolo wesityalo. Emveni kwezinye iveki ezine, nezinye iveki ezine phambi kokuvuna, ungaphinda ufake ama 300 kg ekugqibela ku 1:0:1 (36) kumqolo we celery. Kufuneka unkcenkceshelo lulandele kwangoko, rhoqo emveni kokufaka isichumisi. Izichumisi zingafakwa ngendlela ye driphu ngoku yifaka ngokwe miyalelo enikezwe ngaba hloli bomhlaba.

Unkcenkceshelo

Kungankcenkceshelwa ngezifafazi, izifafazi ezisetyenziswa ngenge esile, imicrojet misters, okanye indlela ethile ye driphu emhlabeni kwimiqolo okanye kwezinye iimeko izifafazi ezingaphantsi komhlaba kwimiqolo yezityalo.
Ngosuku phambi kokutyala icelery, nkcenkceshela ngo 20 mm ukuze umhlaba ulungele ukutyala, Phinda ngokukhawuleza emveni koko umlinganise we 10 mm ukuze izithole ze celery zihlale kakuhle. Xa izithole zityalwe ngqo, qinisekisa umhlaba ngaphezulu ugcinwa ufumile, nomlinganiselo wamaxesha okunkcenkceshela de izityalo zidubule zibene ngcambu.
Xa izithole zisomelela zikhula, kungaqaliswa ukunkcenkceshela ngakumbi. Xa izityalo sele zimilisele, isiqhelo ngama 25 ukuya kuma 25 mm onkcenkceshelo ngeveki. Ngenxa yengcambu ezisezantsi ze celery, kungcono ukusinkcenceshela esisityalo kabini ngeveki.

Translated by Zizipho Silwana