Ulawulo Lwesivuno se Celery
Ujikeleziso Lwesivuno
Jikelezisa neetomato, amazambane, iimbotyi, kunye ne brokholi.
Isivuno (itoni ngokwe hektare)
Eqhelekileyo: iitoni ezilishumi nesihlanu (15)
Ephakathi: iitoni ezingama shumi amabini anesihlanu (25)
Okulungileyo: iitoni ezingamashumi amane nangaphezulu (40+)
Ukuvuna
iCelery ivunwa ukususela kwinyanga ezintathu (3) ukuya kwezine (4) emveni kokutyala. Icelery ivunwa ngesandla ngokuphakamisa isityalo usebenzise imela ebukhali ukusika isiqu ezantsi kwe bhola apho iziqu zidibana khona ukohlula isityalo kwingcambu. Ukuvuna icelery ethengiswayo kwenziwa ngomatshini abakhethekileyo. Oku kuyonga kakhulu kwindleko nokuqasha.
Kubalulekile ukuvuna ngoku khawuleza kwaye ngexesha kuba icelery eyekiweyo okokuba ivuthwe kakhulu ixesha elide ibafukufuku ibekrakra.
Ukuthintela ukuba tyokololo, emveni kokuvuna, icelery mayisuswe ngoku khawuleza entsimini isiwe kwindawo epolileyo apho izakuvaswa khona, ilungiswe, ipakishwe.
Ukuyigcina
iCelery esandula ukukhiwa kugcono inqunqwe, ilungiswe, ipakishwe, ithengiswe ngokukhawuleza. Ubushushu obusezantsi ekufuneka bugcinwe buphakathi ko 2°C no 4°C kwaye icelery kungcono igcinwe kubushushu obungu 1°C no 2°C ku 90% ukuya ku 95% ukufuma. Icelery ingagcinwa iiveki ezintathu ukuya kwezine.
Iinkumbi
Nematodes, red spider, Plusia Looper, aphids, army worms, cutworms kunye ne leaf miners.
Izifo
Heart rot, early and late blight, leaf spot.
Kungcono ukudibana nalowo ukufuphi kuwe osebenza ngezityalo okanye onikeza iingcebiso ngee khemikhali ukuze ukhusele isivuno sakho ngokupheleleyo, kwindawo okuyo nakwimeko okuzo.
Hlola isivuno sakho mihla le, ukuthintela iinkumbi nezifo kungabikho uqhambuko lwazo kwaye amanyathelo olawulo ungathi uwathabathe kwangexesha ukuze isivuno sakho se celery singonakaliswa.
Translated by Zizipho Silwana