Xa intombi yam uPhyllis esweleka, andazi ukuba ndizophinda ndilunge na. Ibangathi uThixo ungumlenze wam wase kunene, yena uPhyllis ungumlenze wam wasekhohlo. Yayingu Phyllis owandinceda ekwakheni indlu yam kwaye wandithengela istovu ngoku wayesebenza, kwaye ufakele ne thayile endlini yam, kwindlu yangasese yona asikazifakeli. Kwiveki ezigqithileyo uPhyllis waza endlini yam elungiselela ukusweleka.
Uthe into ebeyifuna kukuba nomama wakhe qha. Ndandimtyisa, ndimhlamba, ndimthuthuzela, ndihoyene naye lonke ixesha. Besilala kunye ebhedini yam. Kwakunzima kum ukuba ndimke endlini, mhlawumbi uzoshiyeka efuna nto ethile. Ebehlala esitsho into enye kum qho ‘Isende lendlela mama, kwaye ndizoyihamba ndedwa. Ndikulungele ukusweleka ngoku.
Ndiyalwamkela kuba akho nto ehamba kakuhle ngoku apha kum. Ndikhathazekile ngawe kodwa. Uzohlala uphila kanjani? Imali yokundingcwaba izophuma phi? Ndikhe ndimbone endijongile, ecinga fan’ukuba andimjonganga, inyembezi zehla ezidleni, ndisazi ukuba ukhathazekile ngam futhi. Ndicinga ukuba usabambelele ngenxa yam. Ayimlungelanga lonto. Nakum, ininzi kakhulu ngoku.
Ndahamba ndaya kwabanye oomakhulu, abalingane bam abahlala kufuphi, ndibacela ukuba bathethe noPhyllis ukuba ahambe aye esibhedlela ayobhubhela khona, kuba indlela izinto ezazingayo yayibuhlungu kum kwaye bendikwakwazi ukuyenza. Baye bandinceda. Bamchazela kwaye wahamba waya esibhedlela.
Ngalo lonke ixesha xa athe wagula, bendiziva ndindedwa, ndicinga ukuba kuzakuba njani xa sele esishiyile. Kodwa ngoku, abakhelwane baza kum, bethetha ngento eyenzeka kuPhyllis, bamane bendinceda ngokutya. Amalunga asecaweni nawo azoza kumngcwabo wabo. Futhi ngoku ndinosisi pha kula mbutho woMakhulu abachasene nendlala kunye neAids.
Eli libali lam lamanyan-nyan. Oh, bendinqwenela ukuba umama wam ebesaphila ukwenzela ukuba alive ibali lam. Ndizakulibonisa umzukulwane wam uJuliette, ukwenzela ukuba abone ukuba umakhulu wakhe ebesezintlungwini – futhi emva kwalo lonke ixesha, ndim umnqobi. Ngenyaniso, ndim umnqobi.