Ngonyaka ka 1960, unyana wam wokuqala uMthuthuzeli wazalwa. Wasweleka enenyanga ezintandathu qha. Umtana wam wesibini kunye nowesithathu nabo basweleka kwinyanga ezimbalwa bezelwe.
Bendingazi ukuba kutheni kodwa ngezomini abantwana abaninzi bebesweleka. Ubungakwazi ukufumana uncedo olulungele isigulo somtana wakho ezibhedlela, njenga namhlanje. Ndiqinisekile ukuba yenye yesizathu leyo. Ukusweleka kwabantwana ababini ibiyinto ebuhlungu kakhulu, kodwa umakhhulu wandixelela ukuba ‘Ungakhathazeki ngalonto.
Ucoca isibeleko sakho ulungiselela bonke abantwana ozabafumana ngenye imini.’ Amagama akhe andinceda ukuba ndikwazi ukumelana nentlungu yakhe.
Yayingunyaka ka 1964 phambi kokuba ndibenomtana owayephilile, owayebizwa ngo-Olive. Ngonyaka ka 1966 omnye umtana wafika – uPhyllis, lo usehleli iminyaka elishumi elinesihlanu ephethwe yingculaza. uKenneth wazalwa ngonyaka ka 1969 kunye noPrudence, owasweleka ngenxa yengculaza, njengo Olive, wazalwa emva kweminyaka emibini.
Ngonyaka ka 1972, ndiyendaganga. Akho mntu ofuneka ukuba abenabantwana abangaphezu kwesine, kodwa mna ndabanomtana wesihlanu, uAnthony, kwaye ngonyaka ka 1975 ndaba nomnye umtana, uLennox. Ewe, ndintswempu ngokukhumbula intsuku.
Ndikhumbula yonke into eyenzeka kusapho lwam ndincendwa ziintsuku, usuku lozalwa kwabo bonke, kunye nemini yokufa kwabo. Kulemihla, ndiyazilibala ezinye izinto. Ngenye imini ndifihla into endaweni ekhuselekileyo, kodwa ngomso ndizobe sendiyilibele ukuba ndiyibeke phi. Kodwa kwimini ezimayela nosapho lwam, ndikhumbula yonke into ngokucacileyo.