iBali lika Makhulu loku Ziphinda kwe Mbali

uMakhulu uAlicia Mdaka ucinga ubunzima bokuba ngu Mama oyedwa, emveni kokusweleka komyeni wakhe.

Isiko lesiXhosa eMveni Komngcwabo

©Eric Miller

Emveni komngcwabo womyeni wam, umama wathatha uAnthony, unyana wam kunye naye besingise eGugulethu kuba kwakufuneka ndibuyele eMpuma Koloni. Kwisiko lesi Xhosa, xa umyeni esweleka kufuneka uyokuhlala nosapho lwakhe ithuba elingango nyaka, unxibe mnyama ngalo lonke eloxesha ukubonakalisa ukuzila. Ukuphela kwalo nyaka, ndacela ukubuyela eKapa ukuze ndiyokusebenza ndenze imali yokuxhasa abantwana bam abathandathu.

Ndabashiya eMpuma Koloni ndasebenza, eKapa ngengoko nomama wayesenza. Ngenye imini ummelwane weza kum wandixelela abantwana bam abahlelanga kakuhle ku Tsolo, bayahlukunyezwa.

Xa iinkomo okanye iigusha zingabuyanga, uKenneth wayebethwa, de ayekwindawo yakhe ekhethekileyo yokuzimela - ikona yegadi- azimele kwingca ende. Yayi ngudade wabo kuphela, uPhyllis, owaye yazi okokuba uphi kwaye zange axelele namnye umntu.

Abamelwane bandixelela okokuba ngamanye amaxesha abavumelekanga nokuya esikolweni. Leyo yayi yeyona nto eyayindikhathaza. Abantwana bam kwakufuneka baye esikolweni. Kwakufuneka ndiqiniseke balilungele ikamva labo. Umntwana one mfundo unamathuba ebomini, umama wayesixelela oko rhoqo. ‘utata wakho wayengu titshala kwaye waye nobomi obungcono kuba wayefundile,’ watsho kum.

iZimo eSifanayo, iZiphumo eZifanayo

©Eric Miller

Ingabonakala ingaqhelekanga into yokuba ndandi hlukunyezwa ngabantu bosapho olongezelelekileyo ndise ngumntwana, ngoku lento inye yayisenzeka ebantwaneni bam.

Yenzeka ngale ndlela kuba imeko yethu ibifana. Ngokwe nkcubeko yethu abantwana no mama babene ndawo esezantsi kunamanye amalungu osapho, xa abantwana bengena tata, okanye umyeni engekho. ‘mama, andikwazi ukuyimela lento,’ ndamxelela.‘ Abantwana bam kufuneka beze kum.’ Ndandi sebenza ekhitshini ndihlala khona, ndandine gumbi emva kulomzi ndandisebenza kuwo kwi lokishi iHeathfield.

Kwakungekho ndawo yokuba abantwana bahlale nam kwela gumbi lincinci. Okwexeshana uAnthony wayokuhlala no mama eGugulethu, kodwa lo tata wayesazana nomama waye ngakuthandi oku. Kulapho ndokha khona ityotyombe ePhilippi- ukuze ndibe kunye nabantwana bam.

Amakhwenkwe Angamameliyo

©Eric Miller

Kwakunzima, ukukhulisa abantwana ndodwa. Kwakunzima, ingakumbi ukukhulisa amakhwenkwe. uAnthony washiya isikolo kwi banga lesibhozo, unyaka wesibini kuma banga aphezulu, uKenneth wayeka ukufunda kumabanga aphantsi. Kwi ntsuku apho abantwana babesele bebadalana ndandizixelela, ‘ukuba umyeni wam ebesaphila, abantwana bam ngebenga khathazi kangaka.

Lamakhwenkwe ngewenga seli ubutywala ehamba kakubi nesikolo. Yaba yilahleko yekamva ababe nokuba nalo, ngenene. Umzekelo, ndikhumbula uKenneth wayekwazi ukuzoba kakuhle kwaye ebhala kakuhle kakhulu. Amakhwenkwe am ngewayenze bhetele kakhulu ebomini.