iBali lika Makhulu/Gogo loku Hlala eTyotyombeni

uBeauty Skefile, ukhumbula amava okwakha ityotyombe, esakhela yena nosapho lwakhe eCrossroads, eKapa.

uKwakha iTyotyombe

©Eric Miller

Seza eCrossroads sazokwakha ityotyombe. Kwanyanzeleka sinqumle imithi ngesa nkempe, senze igumbi lokwakha ityotyombe. Sazingakwazi ukulenza, kodwa mna no Nomhle safunda kwabanye abafana kwaphaya ekuhlaleni. Babezenzele ityotyombe ngamakhuni nange bhodi esasiyifumana esiporweni. Safumana into efanayo etiphini.

Abanye abantu babengayithandi lebhodi kuba yayophukile, kodwa sayisebenzisa. Xasifumene iintwanana, sasithatha icingo silidibanisa nale inkulu. Xa umoya ufika,bhodi yayisimka nomoya. Iyandihlekisa lento, xa ndiyicinga. Sasingakwazi ukuthenga ibhedi, safumana amaplanga aphantsi etiphini, sayibeka ezitotini ukuyisusa phantsi, sabeka iingubo ngaphezulu.

Kwakungekho matrasi. Sathatha ingubo esasizifumana etiphini, sazivasa, sombatha, abadala nabancinci kwibhedi ngaye.Ezibhedi sasizibiza ‘ibhedi zethu zamaplanga’. Zazi sisine esasinazo kwityotyombe lethu.Umntwana nomntu omdala kwibhedi nganye. Safumana iingubo ezininzi etiphini, lilonke sasinga godoli nkqu ebusika.

Ukwenza istovu sokupheka, safumana itoti enkulu etiphini senza imingxuma ngesikhali. Ndabona abahlobo bam besebenzisa isitovu esinje ndaba buza senziwa kanjani, bandibonisa. Ukuba ukhona osibileyo emini, singasifumani, sasisiya etiphini sifumane enye itoti sense esinye.