Ngoku ndandihlala eMpuma Koloni, ndandingumtana othanda ukungxola kodwa ndiye ndathula exesheni, utishala wam wayiqaphela intlungu yam. Utishala-ntloko wandibizela e-ofisini yakhe endibuza ukuba yintoni na engalunganga. Ndamxelela ngokubethwa kwam ekhaya waze wathi yena uzobhalela umama wam.
‘Ndicela undiphathele idilesi yakhe,’ watsho njalo. Yayingekho indlela yokuba ndicele umakhulu wam idilesi kamama, kodwa ndandiyazi ukuba ubenenqwaba yeleta ezivela kuye ezihlala etasini. Ngenye imini, ndazivula ngokukhawuleza ndavula ileta enye ndayibhala phantsi. Utishala-ntloko wabhalela umama ileta, yaphelela apho. Umama wagqiba ukuba ndiye eKapa kuye. Kwakungekho luka, kuba umakhulu wam zange afune ndihambe.
Umama wacela utishala wam ukuba ahambe ayothetha nomakhulu. Ekugqibeleni ndahamba ngesitimela. Ndandivuya kakhulu ukuba naye futhi. Kodwa yonke lominyaka yentlungu nokudakumba yayinditya kakhulu, naseKapa zange ndaba ngcono. Ndahamba ndaya kwisibhedlela sase Groote Schuur kwisebe labaphambana ngengqondo. Bandinika ipilisi ezimhlophe. Ndiyacinga ukuba ngeloxesha babendiphilisa kwimeko emaxongo yokudakumba.