Iziqhamo Zasendle zeli loMzantsi Afrika

© Hans Hillewaert

Iziqhamo zasendle zeli zezinye onothi ukhethe ukuzitya xa uthe walamba kwaye udinga izinongo nezakha mzimba eMzantsi Afrika. Izifundo zibonakalise okokuba ukuvuna esisiqhamo endle nakwi mithi ebucikidwa ekhula kwii fama zingonyusa izinga lengqesho ezilalini.

Ukongeza, ukusebenzisa eziziqhamo ukwenza iijam kunye neziselo kungenza ingeniso esecaleni eyongezelekileyo. Iziqhamo zamanye amazwe zasendle ezityekayo zinganceda xa kunqabe ukutya ingakumbi ‘indlala efihlakeleyo’ - ukuswela izinongo nezakha mzimba.

Iziqhamo zase ndle ziziqhamo ezifumaneka kumadlelo eli lo Mzantsi Afrika kodwa ziyakhuliswa nangabo bathengisayo ukuze zityiwe zisentsha okanye zisetyenziswe ukwenza iimveliso ezifana ne jam okanye iziselo.

Ngokwesebe: lezo Limo Amahlathi kunye nee ntlanzi (DAFF) ezi zilandelayo zibonwa njengezona ziqhamo zibalulekileyo zasendle kwiimveliso zesivuno seziqhamo kweli lo Mzantsi Afrika: Marula Mobola plum Isiqhamo iRed Milkwood Wild Medlar Kei Apple (Umqokolo) Monkey Orange Sour fig (Amakhiwane amuncu) Sour plum Ezinye iziqhamo zasendle zibalulekile kwintengiso kwaye zithengiswa ecaleni kwendlela kwindawo ezininzi eMzantsi Afrika.

Ezi ziquka I Monkey Orange sour figs (Carpobrotus edulis), umsobo (waterberry) kwindawo ezise Mpuma yo Mzantsi Afrika. iKei-Apple (Dovyalis caffra) sour plum (Ximenia caffra), blue sour plum (X. Americana) kunye ne moepel okanye red milkwood (iintlobo ze Mimusops). Ezinye zibonakalisa ithemba njengesivuno esitsha esinoku thengiswa kwaye kuninzi osele kuzuziwe nge marula (Sclerocarya birrea) nezinye ezimbalwa.

iMarula

Lo mthi mkhulu uqhelekile kwiphondo lase Limpopo eMzantsi Afrika. Iziqhamo zivunwa emhlabeni ngenyanga ka (January ukuya ku April) zityiwe zisentsha okanye zenziwe ijam. Iyasentyenziswa ekwenzeni utywala obufana ne bhiya notywala obudumileyo.

iMobola Plum

Umthi omkhulu onamaxolo arhabaxa imobola plum ikhula kwindawo zase Mpuma zo Mzantsi Afrika kwaye uvelisa iziqhamo ezincinci ezityheli ezidliwa zikrwada, zomisiwe okanye zididiyelwe oku kwe bhiya.

iRed Milkwood

Lona ke umthi ukhetha imvula yase hlotyeni kumaphondo ase Mzantsi Afrika ivelisa iziqhamo ezincinci ezingqukuva ezi orenji ngombala. Esisiqhamo simnandi siswiti siphezulukwizi nongo uvitamin C amagqabi atyiwa zi mbabala. Zivunwa zingekavuthwa eziziqhamo siye sivuthwe kwintsuku ezimbalwa.

iWild Medlar

Lo umthi uvelisa iziqhamo ezingange apricot ezinencasa efana neyama Apile omileyo. Iziqhamo ezisandokukhiwa zisetyenziswa ukwenza ubutywala obukhethekileyo obucacileyo (mampoer ngolwimi lwesi bhulu). Iziqhamo kufuneka zikhiwe ngesandla emthini kwaye ungavunwa kwithua elingange nyanga ezintandathu.

iKei-Apple

limnandi line vumba elimnandi eli Apile le siqhamo iKei sityiwa sikrwada, sifafazwe ngeswekile. Esisiqhamo siphezulu ku vitamin C kwaye sine amino acids ezininzi kwaye iacidi eninzi ngokwendalo isenza sizilungele iijam. Lomthi unameva ufukufuku ukulungele kakhulu ukuba yi heji.

iMonkey Orange

Lomthi mncinci unameva ukhula kwimi mandla eshushu nephakathi eAfrika ivelisa isiqhamo esiqinileyo esityheli ngombala esilingana ne orenji. Inyama ye siqhamo ityiwa ihlaza, yomile, okanye yenze ijam okanye umdliliya we ziqhamo, kodwa imbewu iyityhefu.

Sour Figs (Amakhiwane)

Anikisa umdla kwaye akhula kwele Ntshona Koloni amakhiwane enza ijam emnandi kakhulu asetyenziselwa nokuzinzisa umhlaba nakwi gadi ezonga amanzi. Incindi yegqabi layo isetyenziswa ukuthambisa indawo etshileyo emzimbeni, inceda ukukrweleka noku rhawuzelela.

Sour Plum

Esisiqhamo simnandi kodwa simuncu sifumaneka kumthi omncinci anameva, utyalwa njenge heji. Utyiwa usa sando kukhiwa esisiqhamo siphezulu ku vitamic C kwaye imbewu ye oli isetyenziswa kwimveliso ezithanjiswayo ezifana ne zithambiso zomlomo nee sepha.

Translated by Zikhona Plaatjie