Ngokwe Avocado Growers Association (SAAGA), malunga no 80% wemithi ye avocado eveliswa kwindawo zeli lase Mzantsi Afrika yi Hass enesikhuba esimnyama nezilimo zohlobo lwe Hass ezifana ne Carmen, Gem, Lamb-Hass ne Maluma.
Izilimo ze Avocado ezinesikhumba esiluhlaza ngombala ezifana ne Fuerte, Pinkerton, Ryan, ne Reed zenza ukuya ku 20% yemveliso yendawo ekhulisa imithi. Esona silimo silinywa kakhulu eMzantsi Afrika yi Hass kulandele iFuete.
Ezinye zezi zilimo, ziyathandwa zizifo ezithile kwaye azifani ngokwe sondlo esifumanekayo kuzo, izinto ezifana noku susa ukhula emveni kokuvuna egadini, ziyenziwa ngokufanayo kwizilimo.
I-Bacon
Esi silimo sivelisa isiqhamo esincinci ukuya kwesiphakathi, esibume bungqukuva nesikhumba esimpuluswa esiluhlaza ngombala. Imbewu iyakhawuleza idibane.
I-Reed
Uhlobo iReed Round evela ekugqibeleni kwexesha lesivuno ivelisa iziqhamo eziphakathi ukuya kwezinkulu. Isikhumba sifana nama ndongomane kwaye umbala awujiki ube mnyama xa sele isikiwe. Ipete yaso incinci ukuya phakathi kwaye lomthi awudibani nengqele.
I-Edranol
Ityebile ngencasa efana nama ndongomane le avocado, kwaye ingumlinganiselo ophakathi ukuya komkhulu, ime mbhoxo okanye okwe pere. Isikhumba esimbala uhlaza sinendawo ezizigingqi. Ifumaneka ukusuka kwinyanga ka June ukuya ku September. Zigcine ku +6℃ nangaphezulu.
I-Fuerte
Uhlobo iFuerte lelona hlobo laziwayo eMzantsi Afrika. Ibubume obumbhoxo nentamo ende kunye nesikhumba esimpuluswa, esibhityileyo, esiluhlaza xa sele sivuthiwe. Inyama ye fuerte iyakhawuleza ukusikeka kwaye ivuthwa kwintsuku eziyi 7 emveni kokuvunwa. Ivuthwa ngoku khawuleza- ifumaneka ukusuka kwinyanga ka February ukuya ku August. Gcina le Avocado ku +5℃ nangaphezulu. Kuvela imibala emnyama ngaphandle esikhumbeni xa zigcinwe kwindawo ebanda kakhulu. IFuerte nayo iyasivelisa isilimo. Ziyanda izIqhamo xa kuthe kwafika iinyosi.
I-Hass
Ubume bayo bungqukuva okweqanda, iHass yi avocado encinci enesikhumba esiqinileyo esiluhlaza esitshintsha sibengumbala omnyama-mfusa xasele zilungele ukutyiwa. I-Hass inencasa emnandi etyebileyo efana neyama ndongo mane kwaye ifumane ukusuka kwinyanga ka May ukuya ku October. Kungcono ukuyigcina ku +5℃ nangaphezulu. Ihlala ixesha elide. Umthi wayo ukhula kade kwaye nesiqhamo zingaba ncinci kwimimandla enobushushu okanye enemithi emidala.
I-Pinkerton
Uhlobo Pinkerton ‘inentamo’ ecacileyo xa kuthelekiswa nezinye i-avocado kwaye inesikhumba esiluhlaza ezirhabaxa xa ivuthiwe. Yi avocado enkulu enencasa ephantse ya switi kwaye inembewu encinci ngaphakathi. Inexesha elifutshane efumaneka ngalo kuphela phakathi kwenyanga ka June no July. Yigcine ku +7℃ nangaphezulu. Imithi yazo ivelisa kakhulu.
I-Ryan
Olu luhlobo lwe avocado eliphuma kade kwaye libubume beqanda, lifumaneka ukusuka ku August ukuya ku October. Sisiqhamo esikhulu esine sikhumba esihlaza esirhabaxa kwaye kungcono ukuyigcina ku +5℃ nangaphezulu. Ixesha lokuhlala emveni kokuvunwa liphakathi. Imithi ye Ryan yomelele kwaye iyanyamezela kwikhephu.
Translated by Zikhona Plaatjie