Itamati

© Louise Brodie

Igama le sayensi: Lycopersicon esculentum Mill.
Amagama aqhelekileyo: Tomato, Tamati, Tamatiso, uTamatisi

Iitamati zase tafileni zezinye zezona zityalo zilinywa kakhulu ehlabathini kwaye ngamakhulu aliqela endidi zetamati ezikhoyo. Esi siqhamo sizele yi-lycopene kunye ne Vithamin C. Iitamati zisetyenziswa ngendlela ezahlukileyo. Iitamati ezivuthiweyo zityiwa zikrwada kwaye zinga gcadwa okanye zisetyenziswe ekuphekeni. Ziseno komiswa ngelanga okanye zitshintshwe zenziwe I tamati sosi, ipuree, umguo kunye ne suphu okanye njenge tamati ezinkonkxiweyo, ichutney okanye ijem.

Inkcazelo Ngesityalo

Itamati ikhula unyaka wonke kodwa ikhuliswa njengesityalo esikhula kanye ngonyaka, esikhuliselwa isiqhamo saso. Sisityalo esinwenwayo ukukhula nesiyi herbaceous. Sineziqu ezinoboya, ezityokololo ezinabayo.
Amagqabi anoboya kwaye ayashiyana ngokomlinganiselo. Esi sityalo sivelisa amagqabi atyheli acukeneyo. Iziqhamo zi rawndi ukuya kwezinekona kwaye ziyashiyana ngobukhulu nombala. Imibala isenoba bomvu, pinki okanye zibe tyheli xa sele zivuthiwe. Esi sityalo sivelisa iimbewu embaca, engathi igoso enoboya, kwanombala omdaka okhanyayo.

Umhlaba Ewudingayo Nokulungisela Ukutyala

Bekufanele ukua umhlaba ungabinamanzi ukuya kubunzulu obuyi 1.2 m nangona ubunzulu obungama 600 mm bomhlaba owomileyo buvumelekile. Vunguza umhlaba ngokwaneleyo ngokuthi uwuhlakule okanye usebenzise ifolokhwe, igaba okanye umhlakulo. Khupha onke amatye uqhekeze nomhlaba ozizigaqa ukuqinisekisa ukuba iingcambu zihlala kakuhle emhlabeni.
Iitamati ziyakhawleza ukuqhelana nodidi lomhlaba. Kwaye umhlaba onodaka olungama 15% ukuya kuma 35% ngowona ulungileyo kwaye iziphumo ezihle zifumaneka kwimihlaba enzulu, efunxekileyo nelu daka. Esi sityalo siyakwazi nook ukumelana ne aside yomhlaba kwakunye ne pH eyi 5.0 ukuya kwi 7.0. Ukuze kuveliswe isivuno esihle umhlaba kufuneka uzale zizinongo zendalo kwaye iingcambu zingaphithani okanye zibengamaqhina.

Imo Yezulu

Imo yezulu ezindidi ezininzi eMzantsi Afrika ivumela ukutyalwa nokuveliswa kwe tamati ezisemgangathweni kumasimi avulekileyo kwindawo ezahlukeneyo zeli lizwe unyaka wonke. Esi sityalo sikholwa zimo zezulu ezifudumeleyo. Sinochuku kakhulu kwi qabaka, kwaye awona maqondo obushushu sikholwa ngawo ukuze sikhule aphakathi kwe 20°c ukuya kwi 25°c, kunye namaqondo aphakathi kwe 18°C kunye ne 27°C noba kukanye enyangeni.
Ukuba amaqondo obushushu agqithile kuma 35 aze ehle abengaphantsi kwe 12 oku kunganeziphumo ezibi kwindlela esimila ngayo isiqhamo naku mgangatho waso. Imimoya eshushu, eyomileyo ibangela ukuwa kwentyatyambo okukhulu logama ukufuma okuqhubekekayo, imo yezulu enethayo zibangela ukuvela nokwanda kwesifo samagqabi. Ngoko ke kucetyiswa ukuba iitamati zikhuliswe kwii ngingqi ezomileyo phantsi konkcenkceshelo.

Iindidi Zayo

Fresh market Tomatoes: Floradade, Karino, Rodade, Star 9001, Star 9003, Zeal, Fortress
Jam and preserving tomatoes: HTX 14, Legato, Roma, Rossol, Star 9056F, Sun 6216
Cherry Tomatoes: Bamby, Josephine, Little Wonder, Songold, Flavorita, Jasper1

Translated by Zizipho Silwana