Ukutyala iTamati

© Louise Brodie

Ukulikhulisa

Iitamati zikhuliswa ziyimbewu, ngokuthi ukhulise imbewu ze ukhuphelele imithana kweminye imithlaba okanye uhlwayele imbewu ngqo. Imithana ikhuliselwa kwimihlaba eyohluliweyo ze ikhutshelelwe kwintsimi isakuntshula. Ukukutshelwa kuyakhuthazwa ukuba kusetyenziswe imbewu exubeneyo, ingakumbi ukuba zilinyelwa ukuthengiswa emakethi.
Imithana ivamise ukua sele ikulunele ukukhutshelwa emva kweveki ezintathu ukuya kwezine emva kokuhlwayela imbewu. Kufuneka zikhutshelelwe kumhlaba ofumileyo. Ukutyala imbewu ngqo kuvamise ukwenziwa ukuba isityalo silinyelwa ukutshintshwa okanye ukuvunwa ngobuxhakaxhaka bemitshini.

Ixesha Lokuhlwayela Imbewu

Indawo: Epholileyo - Efudumeleyo - Eshushu
Ixesha elilungileyo: Okthobha - Septemba/Novemba - Februwari/Julayi
Elinye elingcono: Septemba/Novemba - Agasti/Disemba - Januwari/Juni

Isibalo

Ama 12 000 ukuya kuma 16 000 ezityalo kwi hekthare nganye.

Ukuqelelana Kwezityalo

Ama 300 mm ukuya kuma 500 mm phakathi kwezityalo 1.5 m ukuya kuma 2.5 m phakathi kwemiqolo.

Ixesha Lokukhula

Kukholise ukuba malunga neentsuku ezingama 90 ukuya kuvuno lokuqala kunye nexesha lokukhetha isivuno esizintsuku ezingama 80.

Translated by Zizipho Silwana