iSiphephetho Sikhusela Yonke Into

© Ton Rulkens
Isiphephetho (Siphonochilus aethiopicus) liyeza lesintu elisetyenziswa kakhulu luhlanga lwamaZulu. Kwakukholeleka ukuba sikhusela iinyoka kunye nemibane yeendudumo. Ngokuye kuhama ixesha kwafumaniseka ukuba sinceda ukuqunjelwa, sithomalalise amarhanana adumbileyo (Sinusitis) kwakunye nesifuba. Esi sityalo sikwaphelisa nomkhuhlane ngokuthi sikwenze ubile. Siluncedo kakhulu ekunyangeni ukutshotshozela nokuduma, kwaye siyasetyenziswa nasekubulaleni iintsholongwane, ukungunda/ukubola, nasekupheliseni iingqaqambo kwakunye neentlungu zamathumba.
Uhlanga lwamaSwati lusebenzisa eliyeza ukunyanga imalaria, kwaye likwanceda nasekukhuseleni izigulo zamahashe. Ngaphezulu, iCornell University Medical College ifumanise ukuba isithako esiyi jinja (gingerol) sithintela ienzyme ebangela amajoni omzimba ukuba adibane. Oku kungakhusela nohlaselo lwe stroke.
Isiphephetho sisetyenziswa ekunyangeni ukophuka, isifo samathambo, iingxaki zokucoleka kokutya esiswini, isizaphu-zaphu kunye nebhabhalaza. Sinceda umkhuhlane nengqele kunye nezinye iimpawu ezihlobeneyo ezifana nemiqala eyomileyo, intloko, ukukhohlela kunye namarhanana adumbileyo (sinutisis). Ingxaki zesikhumba ezinyangwa ngesiphephetho ziquka izilonda emzimbeni kunye nemivumbo.
Ukufudumala kwesiphephetho kuyanceda kwizigulo zobusika, logama izithako zaso ezinika amadla zisenza sibeluncedo nangakumbi. Ungasisebenzisa njengeyeza lokuthambisa okanye ulixinzelele pheze kwendawo eqaqambayo; ukuze unyange isifo samathambo, izihlunu eziqaqambayo kwaye sikwanceda nasekuhambiseni ngendlela igazi emzimbeni kwaye sinyanga nemivumbo.
Kwesi sityalo sikhula kancinci, kunye neentyatyambo zaso ezintle ezimfusa, ziingcambu zodwa ezisetyenziswayo. Ezingcambu zizele zii minerali kwaye ziqulathe vitamin B3 kunye neB5. Isiphephetho sikhula kumaphondo ase Mpumalanga kunye nakwi Phondo loMntla Koloni, kodwa ukuvuna ngamandla kwesi sityalo kubangele ukuba siphele KwaZulu-Natal. Isiphephetho sidinga umhlaba ogalelwe isichumiso esaneleyo kwaye singandiswa ngokwahlula-hlula izikhondo zaso ebusika.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana