SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failediSalty Sour Figs senza iJem emnandi

I-Salty Sour Figs - Senza iJem Emnandi

© Marinda Louw
Carpobrotus edulis yaziwa njenge khiwane elithobekileyo, Cape fig, ghaukum, ghoenavy, kaapse vy, perdevy, rankvy, suurvy, ikhambi-lamabulawo okanye umgongozi (isiZulu).
Esisityalo silula, kwaye sikhula sigqunyathelwe sibalulekile emayezeni, sine ziqhamo ezityekayo, iintyatyambo ezi thyeli ezinomtsalane ezijika zipe ngu ‘pink’ ombatshileyo.
iSour Fig ifumaneka eNamaqualand, eNorthern Cape, kwicala langase Lwandle eNtshona Koloni ukuya eMpuma Koloni. Isityalo siyayithomalalisa Isanti kwaye asitshi emlilweni. Iinyoka ziye zifumaneke kwizicuku zamakhiwane amuncu zikhangela iimpuku ezaziwa njenge rote ezitsalwa ziziqhamo. Ngaphandle kwe rote, eziziqhamo zonwatyelwa ne antelope, porcupines nabantu.
Isiqhamo simile oku kophezulu, ivuthwe ifane ne fele elishwabeneyo esindwa yinqwaba pete kwinto efana ne jeli. Amazantsi esiqamo alunyiwe, nobunzima bentanga eziyengeyenge ziyafuxwa. Incasa izangamandla, iyakrakra, imuncu njengoko esisiqhamo sisetyenziswa ukwenza ijem. Ukwenza ijem gquma i-1 kg yamakhiwane amuncu ngamanzi abandayo (ne tispuni letyuwa) sokisha ebusuku, ukhuphe amanzi uxobule.
Yongeza ikomityi ezimbini zeswekile, imicinga embalwa ye cinnamon, kwi komityi yamanzi ubilise de ibencangathi. Yongeza amakhiwane amuncu, ubilise de kuyondelelane kwaye iziqhamo zibe bomvu ngombala. Gcina kwibhotile ezihlanjiweyo zokugcina jem.
Amagqabi we sour figs ayimpiliso kwizilonda kwaye angahlafunwa ukuthomalalisa umqala obuhlungu, usuleleko emlonyeni, ukutshiswa lilanga, ukurhawuzelela, izilonda, ukutyabuka ebantwaneni, bokulunywa zizinambuzane.
Eminye imisebenzi yokuphilisa iquka ukunyanga i-TB (kwenziwa incindi yesiselo ngama hlahla, olive oil no busi) nokunyanga ukuqhinwa (ngokutya incindi yesiqhamo). iSour fig isetyenziswa eMpuma Koloni ukuphilisa ipiththeria (usuleleko olunamandla lo mqala, nempumlo. Kunye ne swekile. iSour figs zikhula lula xa sisikiwe zifumane umhlaba okhamekileyo nendawo enelanga.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie