Imveliso yezi Qhamo ezine Pete

Iingingqi ze Mveliso

©Louise Brodie

Ilizwe lase Mzantsi Afrika lelona lizwe lihamba phambili ekuveliseni iziqhamo ezine pete kwilizwekazi i-Afrika kodwa ngu 16% kwi Southern Hemisphere, ze ibengu 1% kwimveliso yamazwe. Nangona kunjalo ilizwe lase Mzantsi Afrika lifumene isidima ngenxa yomgangatho ophezulu weziqhamo ezisuka kweli lizwe, yiyo lonto zithengwa kakhulu ingakumbi ngamazwe i-Europe ne United Kingdom.

Iziqhamo ezine pete zidlala indima ebalulekileyo kwimbali yelizwe, zibonakalisa iziqhamo zokuqala ezathi zathengiselwa amanye amazwe; ngo January 1892 ngexesha kuhanjiswa ama kheyisi alishumi elinesine 14 wepesika ethunyelwa kwelase England nge Drummond Castle - Inqanawe yamalahle. Njengoko kuchaziwe yi Post Harvest Innovation, ngaphantsi kwe 5% yeziqhamo zathi zonakala ngexesha zifika apho zazithunyelwa khona emveni kweeveki ezibalwa. Oku kwabonakalisa okokuba ilizwe lase Mzantsi Afrika lingakwazi ukuthengisela amanye amazwe iziqhamo zeli. Iziqhamo zathengiswa kwi London’s Covent Garden Market ngexabiso elathi lagqithisa kunelo lalilindelekile.

Iziqhamo ezine pete zine zidingo zokukhenkceziswa ezingafaniyo kuxhomekeka kuhlobo lwesiqhamo kunye nesilimo saso.oku kuthetha okokuba zifuna isimo sezulu esibandayo kodwa hayi kakhulu phambi kokuba zidubule. Eziziqhamo ziveliswa kumaphondo alithoba elizwe lase Mzantsi Afrika, kodwa imveliso ise Ntshona Koloni, apho imeko zezulu zilunge khona kwimveliso yeziqhamo ezine pete.

Imveliso ijongiswe kakhulu kwi pesika, apricots, nectarines, ne plums ezine toni ezingama 350 000 zezi ziqhamo eziveliswa rhoqo ngonyaka. Ipesika ne nectarines, zona zibonakalisa ngapha yengxenye yala manani. Amanani aphantsi we cherry nawo ayaveliswa kunye ne lychees ezanda rhoqo ukusuka kwiminyaka embalwa edlulileyo.

Indawo ze Ntengiso

Malunga nama 20% weziqhamo ezine pete zeli lo Mzantsi Afrika zithengiselwa amanye amazwe, ezinye ke zithengiswa kweli. Ixabiso lentengiso leziqhamo ezine pete zeli liqikelelwa ngapha kwe 2 billion, kwelo nani malunga nama 70% yintengiso yeziqhamo ezinga xutywanga-ezikhiwe emthini.

Iziqhamo ezine pete azinikezi igalelo kwezomnotho kuphela, kodwa zincedisa kakhulu nasekwenzeni imisebenzi kwindawo ezise maphandleni, kuqashwa abasebenzi phantse abangama 24 000 abana bantu abaxhomekeke kubo abaqikelelwa kuma 95 000.

Translated by Zikhona Plaatjie