Imveliso ye Nectarine

Ibali nge Mvelaphi

Imvelaphi yesiqhamo inectarine ayaziwa, kodwa kukrokreleka okokuba yaqala ukuba khona kwiminyaka engapha kwama 4 000 eyadlulayo kwilizwe lase China, malunga nexesha ipesika zaziqala ukulinywa emizini. Uninzi lwezilimo ezikhuliswa kule mihla zifumaneka kwi ntlobo ezifumaneka eSouthern China.

I-Nectarines kunye nepesika ziluhlobo olunye lwesiqhamo kodwa kodwa ngokwe ntengiso ziziqhamo ezahlukileyo. Owona mahluko ngowokuba inectarines ngokwendalo ziyabuna, oko kuzenza zibene sikhumba esimpuluswa, yona ke ipesika inesikhumba esixhonti. Ngaphandle koku, inectarines zi switi ngokwe ndalo kwaye zincinci kune pesika.

Igama elithi ‘nectarine’ laqalwa kwelase England malunga neminyaka yama 1616, mhlawumbi lisetyenziswa endaweni yegama elithi ‘nectar’ okanye incindi ngolwimi lwesintu, eligama libhekisa kwisiqhamo esi switi. Ilizwe lase China lihamba phambili kwimveliso ye nectarine.

I-Nectarine zase Mzantsi Afrika

I-Nectarines kunye neepesika, zezinye zeziqhamo zokuqala ukukhuliswa kweli lo Mzantsi Afrika emveni kokufika kuka Jan Van Riebeeck ngonyaka ka 1655. Ngexesha lonyaka ka 1892, inectarines kunye nepesika yaba zizo ezinemithi emininzi etyaliweyo kwi Cape Colony.

Indawo ye Mveliso

©Louise Brodie
Nectarines being pruned in summer.

I-Nectarines ziveliswa ku Mzantsi Afrika uphela, kodwa uninzi lwemveliso lisuka kwelase Ntshona Koloni. Ngokwe Hortgro Tree Census ka 2018, ummandla wase Ceres uvelisa malunga nengxe yemveliso nezinye ezininzi ezisuka eWolseley, Tulbagh, Klein Karoo, Paarl, kunye ne Northern Province.

Izilimo ze Nectarine

©Louise Brodie

Iintlobo zezilimo ze nectarine xa zityalwa kuya gqitywa okokuba ibezeziphi iintlobo emazityalwe ngenxa yemeko zomhlaba kunye nezidingo zentengiso. Amafama atshintsha izilimo ezindala xa kufumaneka ezintsha kwaye ezingcono.

Ngonyaka ka 2018, uhlobo i-Alpine yayi lolona hlobo lityaliweyo, lilandelwa yi August Red. Ezinye iintlobo ziquka iRoyal Ruby, Super Star, May Glo, Luciana, Fantasia, Sunburst, Skye, Tiffany, Arctic Wolf, Sunlite, Garofa, Margaret’s pride, Crimson Glo, September Bright, Summer Fire, Fire Pearl, Garcia, ne Summer Bright.

Intlobo ze nectarine ziyohluka ngokwe mfuno zendawo ebandayo, ixesha lokuvuthwa, imbonakalo yanga phandle kunye nomngcipheko kwizifo ezithile. Isikhumba siye sibe mhlophe okanye thyeli.

Ixesha Lokuvuna

Ixesha lemveliso eMzantsi Afrika lixhomekeka kwimeko zesimo sezulu, indawo yemveliso kunye nesivuno. Ixesha lesivuno liqala ngo October ukuya ku March, sikhona isixa esincinci esivunwa ngenyanga ka April. Ixesha lemveliso livumela ilizwe ukuze lihambise inectarines kumazwe akwi Northern Hemisphere ngexesha imveliso iseza kancinci kulo mazwe.

Intengiso Manani eMzantsi Afrika

Ilizwe lo Mzantsi Afrika, nangona lithengisela amanye amazwe angaphandle, eli lizwe lizenzele igama ngomgangatho ophezulu weziqhamo ezithengiselwa amazwe angaphandle. Inani le khathuni ezithengiswe ngaphandle liye landa kwiminyaka embalwa edlulileyo, kwaye ingxenye yentengiso yangaphandle iye kwilizwe lase UK. I-European Union ne Middle East nazo zithenga kakhulu, ngexesha intengiso ezincinci zithengwa kwiziqithi zase-Indian Ocean, Russia, kude eMpuma, Asia, kunye ne Afrika iphela.

Imisebenzi

©Louise Brodie

I-Nectarines ziphezulu kwi fibre, vitamins kunye ne minerals kwaye zine zinongo zezityalo, ezifana ne antioxidants ezikhusela umzimba ungagugi. Isiqhamo kunye nesikhumba ziya tyiwa, kodwa iintanga ziyalahlwa. I-Nectarines zityiwa zikrwada kwaye zimnandi nakwi saladi.

Iingcebiso

Xa uthenga inectarines, khetha ezi mpuluswa, eziqinileyo, ezimbala ugqamileyo. Inectarines zingavuthwa ngokuthi ziyekwe esityeni nezinye iziqhamo, ezifana nama-apile, okanye banana. Kunge njalo, zenze zihlale ixesha elide ngokuthi uzifake kwisi khenkcezisi ukuze zinga khawulezi zivuthwe. 

Ipete zingasuswa ngoku uyisike ngaphakathi kwimicwe, ujike ingxenye kwelinye icala, ze wakugqiba uyehlule phakathi.

Translated by Zikhona Plaatjie