I-Marula Ayibobutywala Kuphela

©Geoff Nichols of SANBI

Scelocarya caffra okanye imarula, amagama wayo aqhelekileyo Inkanyi, Marula, umganu, mufula, ne morula. Umthi we marula ngumthi ophakathi, onobukhulu owisa amagqabi wawo rhoqo ngonyaka.

Kulomthi ke amadoda nabafazi babakwimithi ehlukileyo. (Abantu abakhulelweyo basebenzisa igqabi nokuba loluphi uhlobo ukuqonda isini somntwana ongekazalwa – umzekelo ukulungisa umgubo wamaxolo asuka kumthi wamagqabi akhiwe kumthi wamadoda uye uthathelwe umntwana oyinkwenkwe.

Umganu (marula) ngumthi osetyenziswa kakhulu ngama Zulu, ukuphilisa uqilikwana (uzagiga). Lowo unoqilikwana kufuneka aye kulomthi azibethekise ngesidlele emthini, esithi ‘zagiga, zagiga ngiyeke’ (‘Qilikwane phuma kum’) kufuneka atsho kathathu. Kuthwa ke uqilikwane uye aphele kwintsuku ezintathu (3).

Eminye imisebenzi yokuphilisa iquka ukuthatha umxube wamagqabi ukuphilisa ukusuleleka kwamathumbu okwenza isisu sihambise, kubekho igazi kwilindle (dysentery), ukuhambisa kwesisu, ukuqaqanjelwa ngamathambo kwaye ikhusela imalaria.

Amagqabi aziwa njengeyeza le (haemorrhoids) ukuqaqanjelwa ngamazantsi esisu kwaye umxube wamagqabii oshushu uyaselwa ukunceda umzimba obuthathaka okanye ukudinwa. Intambo ezomeleleyo ziyenziwa ngaphantsi kwamagqabi, logama umthi usetyenziswa ekwenzeni izitetyu, impahla zendlu ezenziwe nge planga, amadrum nee dyokhwe.

Umthi we Marula ukhula e-Ethiopia south ukuyokuma Kwazulu Natal, eMzantsi Afrika kwaye kuyafana ePhalaborwa engummandla we phondo lase Limpopo. Iziqhamo namandongomane zisetyenziselwa ukunikeza impilo kwakude kudala – iphezulu ku vitamin C ne minerals.

Iziqhamo ze Marula zivuthwa ukususela ngo January ukuyokuma ngo April xa iziqhamo ezivuthiweyo ziwe phantsi. Umthi osele umdaka ungavelisa isiqhamo esingafika kuma 500 kg yeziqhamo ngonyaka. Esisiqhamo siyatyiwa sihlaza sisuka emthini okanye kwenziwe ijam neziselo.

Iziqhamo ziyaqokelelwa, zivaswe, zisikwe, zakuvuleka kukhutshwe iintanga esisiqhamo siyaphekwa de kutshintshe amanzi umbala sisuswe emveni koko. Amanzi ashiyekileyo enziwe ijam, zipakishwe kumaqokobhe egilasi ecociweyo, zakugqitywa zivalwe. iMarula jam ingahlala unyaka xa ivalisiseke kakuhle.

Intanga/mandongomane emarula angaqhotswa atyiwe ane zakha mzimba kakhulu kwaye zinomyinge we 25% ye proteyini ne khalsiyam (Ca), magnesium, (Mg), phosphorus (P) ne potassium (K) indongomane licolwa ukususa intanga.

Amaqokobhe wamandongomane angasetyenziswa ukutyabeka, njengesikhuseli, okanye ukwenza umlilo, logama i-oli emfaxangiweyo ethathwe kwimbewu (ezityebe kwi antioxidants no vitamin C no E) ezisetyenziswa ekunakekeleni isikhumba.

Iziqhamo namagqabi ziyasetyenziswa nase kondleni izilwanyana. Umthi we marula ngumthi oxhaphakileyo okokuba abantu bahlale phantsi komthunzi wawo, kwaye ukhula lula ngembewu elinywa kwisanti yasemlanjeni ehlanjiweyo, kodwa ayidibani kwaphela nomkhenkce, kungcono ukuyityala entwasa hlobo.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie