Iinkumbulo Zikamakhulu ngoku WayeseKapa

uGogo uAlicia Mdaka usibalisela ngexesha ebehlala eKapa ngoku wayeyintombazane encinci.

Phambi Kokuya Elokishi

©Eric Miller

Ikapa ibiyindawo eyahlukileyo ngalomaxesha. Namhlanje, kukho iindawo zokuhlala kuso sonke isixeko ukuya pha kwiintaba zase Helderberg, pha ngase False Bay. Kodwa ngayo yonke lominyaka, kwakungekho nto. – ingekho iGugulethu, iKhayelitsha okanye iMitchells Plain, apho amawaka abantu ahlala khona ngoku.

Bekungekho mahlathi, aphumela pha kude. Ndandihlala nomama wam eDistrict Six phakathi kwesixeko. Wayesebenza emakhitshini kwifleti yase Kloof kwindlela yase Kloof Nek.

Ngamanye amaxesha ebelala pha endlini yomqashi wakhe, owayebizwa ngo Mrs Orren. Wayengumfazi olungileyo uMrs Orren – nguye owandifundisa ukuthunga nokunitha iiglavu, ikawusi kunye nejezi, izinto endisazenza nangoku.

Imfundo Ebalulekileyo

©Eric Miller

Zange ndaya esikolweni. Umama wam wayethanda ukuthi, ‘Andifuni ukuba uye kwizikolo zamakhaladi,’ Wayengafuni ukuba ndidlale nabantwana bamakhaladi. Zange ndasazi isizathu salonto.

Yonke imihla sasihamba sobabini siye emsebenzini wakhe,, ndichithe imini yam ndicoca endlini, nditshayele phantsi kwaye ndicoce nezindlu zangasese.

Ndandiyithanda lonto kuba ibingathi yiyo into elungileyo. Umakhulu wam wandifundisa ukuba amantombazana akufunekanga ahlale nje imini yonke angenzi nto, kufuneka asebenze nasekhaya ngoba, atsho athi, ‘Ngenye imini uzakutshata, funeka ukwazi ukuphatha ikhaya nokuba ngumama.’

Isixeko Sesithandathu / District Six

©Eric Miller

iDistrict Six yafumana udumo lwayo emveni kokuba abaphathi ngexesha localucalulo, badiliza zonke izindlu ezazipha kwaye bagxotha wonke umntu kuba babengafuni abantu abamnyama okanye amakhaladi ecaleni kwedolophu yabo.

Lonto zange yandichaphazela kuba ndandisele nditshatile kwaye ndihlala nomyeni wam. Kwaye ibilixesha elinzima eli kumama wam. Kwanyanzeleka ukuba ahambe ayohlala kude nasemsebenzini, ebethatha ibhasi ezintathu, lonto eyayithetha ukuba ebechita iiyure ezininzi esendleleni.

Translated by Aviwe Damane