Abazali Boomakhulu be-GAPA

Oomakhulu bombutho ochaseneyo nendlala kunye nengculaza basibalisela ngezinto abathe bamelana nazo futhi nezifundo ezibalulekiyo abazifundileyo ngokuba ngqongqo, ukusebenza nzima kunye nobuntu.

Beauty Skefile

©Eric Miller

Abazali bam babengakhohlakalanga kwaye zange babonise umdla kuthi. Andikwazi ukuchaza ukuba kutheni kodwa babesela kakhulu ngempela veki, uyazi xa usela, awenzi zinto kakuhle. Iitshomi zabo bezimane zifika ekhaya ngempela veki.

Omnye wabo ebedlala umculo, bajuxuze bonke, banxile futhi bahleke bonke, benepati yabo encinci. Zange ndakhe ndasela umdiliya okanye utywala apha ebomini bam. Besingathethi nabazali bethu kakhulu ngento ebesiyenza kwaye besingaphikisani nabo. Besibahlonipha futhi silandele imithetho yabo. Akho mntu obendigadile.

Bendisiya ekhaya qha ndiyotya, emva koko bendiphuma ndiyokwenza noba yintoni na endiyifunayo. Mna netshomi zam besidibana emva kwesikolo, sizihlalele siziqhulela nje. Besingenzi into engalunganga kwaye besingenzi nto elungileyo futhi. Besingafani nabantwana banamhlanje. Bona bazazi ezizinto besebancinci kakhulu. Bakrelekrele futhi.

Tenjiwe Tutu

©Eric Miller

Umama wam wayenamandla futhi ngoku sasibancinci, ebesenza wonke umsebenzi wasekhaya nase madlelweni. Nguye ohlakule umhlala ukuze atyale imifino,akhe amanzi okusela, aqokelele neentkuni, abase umlilo futhi asiphekele ukutya. Ude watyabeka udonga loronta wethu ngodaka nango bulongwe, ebedibanisa lomxube ukwenzela ukuba udonga lungawi.

Igadi yakhe yayithandeka. Ndisakhumbula ikhaphetshu, amazambane kunye neminqatha awayityalayo. Umama wam wayebathanda abantwana bakhe kodwa xa singamameli ebecaphuka asibethe. Umama wam wayedinga imali yeempahla, iincwadi zesikolo kunye nezinye izinto zabantwana bakhe. Naye wagqiba kwelokuba aye eKapa eyofuna utata wam.

Ndandineminyaka esixhenxe okanye esibhozo ngeloxesha. Wasibhabhayisa njengokuba ibhasi yayihamba, nathi saqhubeka sibhabhayisa yade yaphelela emoyeni ibhasi, njenga bantwana besenza njalo.

Xa siguquka sigoduka sihamba ngaphandle kwakhe, sobathathu sasikhala, intliziyo zethu zibuhlungu. Umama wakho angangabinanto yokukunika kodwa awufuni ukumlahla. Oh, ibilixesha elinzima elo.

Goldie Qayiya

©Eric Miller

Ibingutata obethatha izigqibo ezimayela nam, engazihoyanga nezam iimfuno, kwaye izigqibo zakhe bezichaphazela indlela endizophila ngayo ubomi bam. Izinto bezilungile ekuqaleni kodwa ekugqibeleni ndigqithe kwizinto ezibuhlungu. Inyaniso yokuba bendingakwazi ukuzithathela izigqibo zobomi bam, iye yandivisa ubuhlungu.

Utata wam zange ayeke ukusebenza nangona ndingazange ndambona ediniwe, kwaye ebengalali ixesha elide. Umama wam wayengumntu othulileyo, kodwa zange ndakhe ndamphendula kuba sasifundiswe njalo. Umtana ngumtana kwaye kufuneka ahloniphe abazali bakhe.

Ukuba uthe ‘Goldie, hamba use ukutya koobhuti kunye noosisi bakho abancinci.’ Bendisenza njalo. Zange ndakhe ndathi ‘Hayi andifuni ukuyenza lonto,’ okanye ‘ndidiniwe.’ Abantu abadala balumkile kwaye kufunelka sibahloniphe.

Translated by Aviwe Damane