Iimveliso zoMnquma

© Roger de la Harpe

Iminquma ziziqhamo ezincinane ezinoku setyenziswa ekuveliseni izinto ezahlukeneyo. Ngaphandle kokuvelisa i-oli yomnquma (olive oil) –neyeyona mveliso ixhaphakileyo yeminquma, ezinye iimveliso ze minquma ziquka iminquma yokutyiwa nezidlo zasetafileni, ukutya okwenziwe nge minquma okufana ne olive tapenade kwakunye neemveliso zokunonophela ulusu ezixutywe ne minquma. 

Umnquma wenziwa ngokwamanqanaba ohlukeneyo, eyona ikumgangatho iphezulu yi  extra virgin olive, neyeyona iqulathe eyona mivuzo mininzi isembilweni.

Ii-oli zingafakwa incasa okanye zixutywe nezithako ezine ncasa ukuvelisa iimveliso ezikhethekileyo ezifana ne truffle oil, fennel-infused olive oil okanye ichilli kunye nee oli ze galika.

Iminquma Yokutyiwa Nezidlo Zase Tafileni

Iminquma esandula kuvunwa iyakrakra kwaye idinga ukunyangwa kuqala ukuze kuphume  iiacrid glucosides kwisiqhamo ngaphambi kokuba sityiwe. Zininzi ke iindlela ezahlukeneyo zokunyanga iminquma: Inganyangwa nge brine, ne sebenzisa ilacto-fermentation-oku kungenziwa ngoku faka iminquma emanzini anetyiwa ixesha kangange xesha elithile. Iminquma isenokunyangwa ngokuyi pakisha kwi tyuwa. Ifakwe emanzini amane etshintshwa iinyanga eziliqela, okanye inyangwe nge lye.

Le yokugqibela ke indlela isetyenziswa ngabantu base Spain ukunyanga iminquma eluhlaza. Ezona ndidi zixhaphakileyo kwimveliso yeminquma etyiwa nezidlo eMzantsi Afrika zezibizwa nge Manzanilla, Mission kunye ne Kalamata. Imanzanilla (eligama lithetha ‘i-apile elincinci ngolwimi lwe Spanish), inggqukumba kwaye ithambile. Le ntlobo ke ikwinqanaba eliphezulu kwaye inenyama enintsi. Ilungele ukusetyenziswa njengomnquma okhutshwe ipeta, kodwa ine oli encinane.

Imission yona incinane kune manzanilla. Yeyona ndidi yomnquma ityalwayo eMzantsi Afrika. Ityalwe kumhlaba ongama 659 ha logama yona imanzanilla ityalwe kumhlatyana nje ongama 133 ha. Ilungele imveliso yeminquma emnyama yokudityaniswa nokutya, kodwa isenokusetyenziswa ukuvelisa i-oli yomnquma. Iminquma ye kalamata iya isanda eMzantsi Afrika. Sele ityalwe kumhlaba ongama 161. Ine oli engaphantsi kwaleyo kunaleyo ye mission.

Iimveliso zeMinquma Edityaniswe Nokutya

Iminquma isenoku fakwa emanzini anetyiwa, inkonkxwe ngegilasi okanye ifakwe kwi oli. Isenokuyekwa injalo okanye igalewe izinongo. Iminquma yencasa yomqwayito, iminquma enencasa ye herbs, edityaniswe neetamati ezomiswe ngelanga kunye ne feta tshizi okanye ipesto yimizekelo yemveliso zeminquma edityaniswa nokutya. 

Iminquma enobunzima be 5kg okanye be 15 kg ifakwa emapheyileni eplastiki. Iminquma efakwe kwiinkonkxa ivamise ukuphulukana nezinongo ezisempilweni. Iminquma ingomiswa ngokuthi ikhenkceziswe, yomiswe ngomoya oshushu, yomiswe ngetyuwa okanye ngelanga.

Iimveliso Zeminquma

Iminquma ingadityaniswa nezinye izinto ezifana namatswele kunye ne pepile ukuvelisa izishebo, iitshatni kunye neejem. Zisenokunkonkxwa ze zithakwe nge galika kunye neziqholo ezifana nee herbs

iOlive tapenade yintlama kunye ne oli yomnquma. Isenokuncasaniswa ngee anchovies,ilamuni kunye ne thyme. Ingasetyenziswa ukuqaba isonka okanye idityaniswe nentlanzi, izishebo zemifuno okanye ipasta. 

iOlive paté nayo ke yenziwe ngeminquma ecunyuziweyo, isenokutyiwa injalo okanye ifakwe iziqholo.

Isinonopheli Solusu Sendalo

I-oli yomnquma isetyenziswa njenge sikhuculi ntsholongwane, isicoci, isithambisi kunye nee oli zoku masaja umzimba, iinzipho kunye nenwele. Sele kuyiminyaka engama waka waka isetyenziselwa ezi zinto. Kule mihla sele idityaniswa nakwii sepha zokuhlaba umzimba, iibody scrubs, ibhotolo zokuthambisa, iimveliso zokunonophela usana kwakunye nezithinteli kwizinambuzane. 

I-oli yomnquma iqulathe izithako ezisempilweni ezifana ne vitamin E, squalene, polyphenols kwakunye neendidi ezahlukeneyo ze fatty acids ezilungileyo – ingakumbi i-oleic acid 75% - byut kunye ne, linoleic acid, linolenic acid kwakunye ne palmitic acid.

iiPolyphenol zisenokuba negalelo kweminye yemivuzo enyangayo ye oli yomnquma. Oku kuquka ukudumba nokutshotshozela, antiviral kunye ne immunomodulatory.

Kukholeleka ukuba i-oli yomnquma yiyo kuphela imveliso eyenziwe ngesityalo ene  squalene kunye ne squalane. Ezi zithako, zikwafumaneka kwisibindi sika krebe, zizi thako zendalo ezinciphisa ukushwabana kolusu, iziva kunye namanxeba.

iiOleic acid (omega 9) zaziwa ngokuphelisa inkwethu ze zincede naseku khuliseni iinwele.  iiLinoleic acid (omega 6) zinceda ekupholiseni izilonda, zithomalalise amaqhakuva nolusu olubi. Zikwa nceda nasekugcineni amanzi esikhumbeni nase zinweleni.  iLinolenic acid (omega 3) inciphisa ukutshotshozela nokudumba kwaye ivithamin E yi antioxidant enamandla, kwaye iminquma esandula kukhiwa izele yile vithamin.

Nceda uqaphele: Inkcukacha engentla inikwe ngeenjongo zokufundisa nokunika ulwazi kuphela kwaye ayinaku setyenziswa njenge ngcebiso zika gqirha. Le nkcukacha ayenzelwanga ukungenelela endaweni yengcebiso zika gqirha ngamayeza okanye amachiza okunyanga owanikwe ngonompilo.

Translated by Zizipho Silwana