I-Evil Medlar Fruit - Ephezulu Kwisakhamzimba uVitamin C

© JMK
iWild medlar (Vangueria infausta) inamagama aqhelekileyo eyaziwa ngawo; wildemispel, Mmilo, Muzwilu, Mavelo, Umviyo, Mpfilwa, Umtulwa, Mothwanye, Umvile, nama Ntulwane. iWild medlar ngumthi oneziqu ezahlukileyo ophakathi kwesithathu (3) ukuya kwisixhenxe (7) ubude namagqabi anenkangeleko etyibilikayo. Ifumaneka kwindawo ezina matye, kwindawo ezonyukayo, ezinengca nase santini cebukuhle elwandle eMpuma Koloni, Free State, Kwazulu Natal, Mpumalanga, Gauteng, Limpopo, North West kunye nephondo lase Northern Cape namanye amazwe akuMazantsi e-Afrika.
Lomthi wemveli weziqhamo kukholeleka okokuba unamandla wemimoya emdaka; ungenza iinkomo zizale iinkunzi zenkomo, lomthi awusetyenziswa nase kubaseni umlilo. Kunge njalo, esisiqhamo sixhaphakile (incasa ifana ney apile emlonyeni) kwaye iphezulu ku vitamin C. iWild Medlar fruit iqala ibehlaza ngombala, kodwa ivuthwe ibe orenji-mfusa ukususela ngo January ukuyo kuma ku April. Kungavunwa ekupheleni ku October ukuyo kuma ekuqaleni ku Novemba xa isiqhamo singeka vuthwa ncam. Ezinye iziqhamo zingakhula emthini de kubese kwindla ukulinda de zibene ncasa, xa kungekho ingozi yekhephu.
Esisiqhamo singa ngqukuva sikhazimle, sino bubanzi obungu 3.5 cm inesikhumba esomileyo esifana nomgubo wokuxova nencasa emandi njenge ncidi, enabo nobu muncu nezinga eliphezulu le calcium (Ca) ne Potassium (K). iWild medlar isetyenziswa njenge mphuphu kwi disethi naxa kusenziwa Umdiliya omfaxangiweyo. Iziqhamo ezomileyo zingagcinelwa amaxesha angenakutya, kodwa okuthile kungongezwa kwaye nesidudu esivundisiweyo kancinci singaveliswa kuyo. eBotswana iWild medlar yenziwa ibesisi selo jusi esiphezulu ku vitamin C.
Iingcambu ze wild medlar zazisetyenziswa kudala ukunyanga imalaria, kunye ne nyumoniya (pneumonia), ukongeza, umxube we ngcambu namagqabi unganyanga izitshanguba ezenziwa ziintshulube, ingxaki zokuya exesheni, inxaki zesibeleko namazinyo abuhlungu. Umxube wamagqabi nesiqu somthi sinceda ukuphilisa amalungu omzimba adumbileyo ebiWild medlar ikhula kade, kodwa ikhula kakuhle entlango nakwi ndawo eziphantse zase ntlango nobushushu obuphakathi kwe 17-28 degree celcius.
Akululanga ukukhulisa iwild medlar nge mbewu, kodwa ukutyala imbewu ngo November kunamathuba okukhula angcono kunokutyala ngo June. Nyelisa imbewu phambi kokutyala. Eyona ndlela yokuyisasaza iwild medlar kuku tyala amasebe.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie