I-Corchorus yi Jew's Mallow

The leaves and young fruit of Jew's mallow can be eaten.
iJew’s mallow (Corchorus olitorius) sisivuno esina magqabi afukufuku anesondlo atyiwa eMzantsi Afrika kwaye angaphantsi kwee ndidi zezityalo ezinamagqabi imorogo okanye imifino.
Kukholelwa okokuba yeyokuqala ukukhuliswa mandulo eyiphutha kwaye ngamanye amaxesha iye ibizwe ngokuba sisipinatshi sase yiphutha okanye imolokhia ngesi Arab. Yadlala indawo kwimvelaphi yama Yuda kudala yiyolonto inegama elithi ‘Jew’s Mallow’.
Isityalo saziwa apha eMzantsi Afrika njenge ‘wild jute’ wilde jute (ngesi bhulu), thelele (Sepedi), delele (Ttshivenda), gushe okanye bush okra kwaye ifumaneka kwimi mandla esentlango ye-Afrika nakumazwe aphakathi eMpuma. iJew’s Mallow ifumaneka entlango okanye ezilalini Kwazulu Natal, Limpopo, Mpuma Koloni, nakwi phondo lase Mpumalanga eMzantsi Afrika.
iJew’s Mallow sisityalo esikhula ngonyaka, sikhula Phakathi ko 20 cm ne 1.5 m ubude, kuxhomekeke kwisilimo. Amagqabi asematsha avunelwa ukwenza ukutya. Amagqabi asetyenziselwa ukunyanga ukudumba nentlungu apho kuhlala khona umchamo emzimbeni (bladder), izifo se gcushuwa nentlungu ezivakala xa ubani echama.
Izikhondo ezidlakadlaka zisetyenziswa njenge ntambo yokwenza imithungo, kunye namaphepha logama umthi okhanyayo usetyenziswa ukwenza imatshisi. Isifundo sophando esenziwe yi Yunivesithi yase Fort Hare sibonakalise okokuba amaggabi we Jew’s Mallow abalasele ekunikezeni isondlo xa efaniswa nekhaphetshu nespinatshi.

uKutya iJew’s Mallow

Amagqabi we Jew’s Mallow anezakha mzimba kakhulu, izinga le protein liphezulu ngo 4.5%, ityebile kwi beta-carotene, iron, protein, calcium, B-vitamins, folate, vitamin C no E, ne fibre. Nangona iJew’s Mallow ihlala ifaniswa ne spinatshi, ukuvakala kwayo esandleni, nencasa zohlukile; yona ‘ifana nomhlaba’. Incasa yayo ibamnandi kakhulu ne galikhi ne lamuni evuthiweyo. Amagqabi we Jew’s Mallow aye abiliswe kwimbiza ezi pheke inkukhu idityaniswe ne galikhi ne khoriyenda eyomileyo iphakwe ne rayisi.
Amagqabi angatyiwa ehlaza okanye aphekwe kodwa ke abanyekenyeke xa ephekiwe, afane ne okra. Xa upheka amagqabi aqinileyo esandleni, afana nawe cowpeas, ukongenza amagqabi we Jew’s mallow kungongezwa ngokomiswa; amagqabi asematsha okanye aphekiweyo enziwe ibhola akugqina omiswe elangeni. Iziqhamo ezingeka vuthwa zingomiswa zicolwe zibengu mgubo ukuze zenze isosi.

iKhuliswa njani iJew’s Mallow

iJew’s mallow kungcono xa ku sasazwe imbewu yayo, ityalwe ku 10 cm ukuqelelana kwemiqolo, kumgama ongu 5-6 kg nge hektare. Lalisa imbewu emanzini adikidiki kangange yure ezingama 24. Kungcono xa ityalwe ekuqaleni kobusika obune mvula. iJew’s Mallow iyazinyamezela iimeko zomhlaba. Ikhetha iimeko zezulu ezinobushushu namaqondo obushushu aphakathi ko 16℃ ukuya ku 25℃ kodwa ayimelani nembalela kwaye akufunekanga ityalwe emthunzini. Ukunkcenkceshela kubalulekile emveni kokutyala noku susa ezinye izityalo.
Uphando olwenziwe lisebe lezolimo y-iAgricultural Research Council (ARC) lubonakalise okokuba isivuno se Jew’s mallow siye sibengcono xa kufakwe izichumisi, ingakumbi initrogen. iNitrogen ichazwe ngokokuba ichaphazela izakha mzimba ezifana ne nitrogen (N), calcium (Ca) kunye ne phosphorus (P) logama isongeza icalcium (Ca) ne magnesium (Mg) emhlabeni inganceda ukwakheka kwe fibre yenze ngcono isivuno nomgangatho wama gqabi we Jew’s mallow.
Ezona nkumbi zixhaphakileyo zi Jew’s mallow, spider mites, iintethe, caterpillars, army worms, ne flea bettles. Istem rot (Sclerotium rolfsii) zingalawulwa ngoku jikeleziswa kwezityalo nokusebenzisa iibhedi eziphakemeyo.
Amagqabi okanye ezidubulileyo zingavunwa kwintsuku ezingama 30-ukuya kuma 60 emveni kokutyala (okanye phambi kokuba iziqhamo zivuthwe) kuxhomekeke kwiintlobo. Ukuvuna rhoqo ( rhoqo ngeveki ezimbini okanye ezintathu) kuyalitsala elixesha lokuvuna.

Ukungazibopheleli Kwinkcukacha Ngamachiza Ezilwanyana

Nceda Uqaphele: Inkcukacha ebhalwe apha yenzelwe ukufundisa nokunika ulwazi kuphela. Kwaye ayinakusetyenziswa njenge ngcebiso epheleleyo yamayeza namachiza. Le nkcukacha ayenzelwanga ukungenelela endaweni yengcebiso yamayeza okanye amachiza okunyanga owanikwe ngu gqirha wakho wezilwanyana.

Translated by Zikhona Plaatjie