Ibali likamakhulu lokusebenza kwindawo yokulahla inkunkuma

uBeauty Skefile usibalisela ngebali lakhe lokusebenza kwindawo yokulahla inkunkuma, ukondla usapho lwakhe.

Ukusebenza kwindawo yolahla inkunkuma

©Eric Miller
Impahla ezindala, izikhwama zentengiso, ukutya okubolileyo, iinkukhu ezibolileyo, imifino, ngamanye amaxesha izinja ezibolayo – yonke lenkunkuma ibibumbana yenze intaba yodoti, ide ibonakale napha ekudeni. Xa ubukude, ubuliva ivumba elinukayo. Ngemini yam yokuqala ndagula imini yonke, ndihamba nabanye abafazi, ivumba lalinuka kakubi kakhulu.
Eminyakeni elishumi, ukusuka pha kunyaka ka 1972 ukuya ku 1982, besisebenza kula doti. Umsebenzi wethu ibikuku chola chola ibhodlela ezophukayo, ikhadibhodi kunye plastiki, siyithengisele indoda yendiya eyayibizwa ngo Mnuzana uFaro.
Xa imini intlle bendiyenza iR30. Bendikwazi ukuthenga isonka, i-parafini – ibixabisa ipeni enye nje – irayisi kunye nomgubo wepapa. Ngezinye imini besibuya nemali elingene ukuthenga ipakethi encinci yerayisi. Inyama kunye nemifino ibisoloko inqabile, ibingekho imali yalonto.
Ukuba andiyang’osebenza, besingena kutya. Nangempela veki, ukuba andiyanga, besingenanto yakutya. Ukuba unabantwana, basoloko befunana nokutya. Kufuneka bahambe bayofuna ukutya, nayo yonke into efunekayo endlini. Abanye abafazi bebethatha ukutya abakuchole emgqomeni bakuphathele iintsapho zapho, kodwa mna zange ndikwazi ukuyenza lonto, unotshe.

Ukusebenzisa izinto onazo

©Eric Miller
Ngenye imini ndabona abantu bechola iimpahla emgqomeni, nam ndaqala ukuyenza lonto.
Ukusukela ngoko, abantwana bam bebenxiba iimpahla endizichole enkunkumeni. Besizithatha sizihlambe.
Xa kuzalwa umzukulwana wam uNosanelisiwe, ndabhaqa ingxowa enkulu eyayigcwele amanapkeni, ndawathatha ndawahlamba ukuze sikwazi ukuwasebenzisela yena.
Ngamanye amaxesha abelungu bebethatha ezizinto bazifake kwingxowa emnyama, kwaye besizifumana zinjalo, kukhona iingubo kunye nemiqamelo nezitya, zipakishwe kakuhle.
Zange sikhe silwe ngoku sasisebenza enkunkumeni, sasisoloko sihleka.
Omnye ebesitsho le, omnye athetha leya, sivele sihleke sonke. Omnye ubesithi xa echole into, mhlawumbi impahlana, athi, ‘Mam’uSkefile thatha lento ibeyeyakho.’
Ibimangalisa lonto, nangon ibinuka nje indawo ebesikuyo. Kufuneka uzingce ngobuwena noba awunanto, futhi usebenzise lento uThixo akuphe yona.