Amabali Kamakhulu Achaza Ngamathuba Abukrakra Obomi

uBeauty Skefile kunye noFelicia Mfamana abaphuma kwiqela loMakhulu abachaseneyo neNdlala kunye neNgculaza, basibalisela ngamaxesha wabo wokonwaba nangona ubomi babunzima kubo.

Ukuba Secaleni Kosapho

©Eric Miller

Ndinendlu yam pha eKhayelitsha. Ekuqaleni besiyirenta pha kumbutho wesixeko, emveni kwethuba baye basinika yona pha ngonyaka ka 1985. Kodwa ixesha elininzi bendisiya kwintombi yam uZodwa nabantwana bakhe, emkhukhwini wakhe pha kwipaki yase Grassy, kuba uZodwa wayefuna ndisoloko ndisecaleni kwakhe.

Futhi kufuneka ukuba ndibepha, kuba kwakunzima kum ukuvuka okanye ukuhamba ngamanye amaxesha, imilenze yam yayibuhlungu iphethwe sisifo samathambo. Imali yona besiyifumana kurhulumente, nam ndimane ndiyifumana ngokuthunga kumbutho womakhulu, kunye nenkam-nkam ka Zodwa kuba wayekhubazekile.

Ebethetha ngobunzima, kuba ulwimi lwakhe lwaluqinile ludibene pha emazantsi omlomo wakhe. Futhi watsha kakubi. Wayemncinci ngoko, umyeni wam eselipolisa, wawelwa ngamanzi abilayo. Zodwa wayefuna ukuba ngunesi.

Uyabathanda abantwana kwaye uyakwazi ukukhathalela abantu abava iintlungu. Kodwa zange akwazi ukuba yinesi, kwaye into emenza ukuba oonwabe ngoku kukubanosapho lwake, utsho njalo.

Ixabiso Lokuphila

Izinto zindilungele ngoku, kuba abazukulwana bam uLuyanda noZanele bahlala nam. Ukubakhathalela kuyandonwabisa kakhulu. Andithandi ukubashiya nabanye abantu, kuba banikwa ukutya okubandayo, baphinde babuye endlini benentshulube okanye izisu ezirhudayo.

Kungcono xa behleli nam. Ndiyaqinisekisa ukuba balungiselela ukuya esikolweni ngexesha kwaye bakhwela nebhasi yabo ngentsimbi yesixhenxe. Basuka pha kwam eKhayelitsha ukuya eMitchells Plain. Kukude kona kodwa bayaya kuba asikho esinye isikolo esingcono. Ixabiso lebhasi leveki lomtana omnye lalibiza i-R72.50, bona babebabini, ngoko yayimali eninzi leyo.

Kulenyanga, kwanyanzeleka ukuba bahlale ekhaya okweveki enye qha, kuba sasingenayo imali yebhasi. Ndaxhaliseka ngenxa yalonto, kuba babezoshiyeka ezifundweni zabo. Ndifuna bafunde, bafunde kakhulu bangasokoli njengokuba mna ndandisokola. Ndifuna baye esikolweni bafunde bandigqithe nam, kuba mna ndandifunda kumaxesha anzima.

Zange sava iitishala zabo zikhalaza kodwa zange sizibone iimpepha leziphumo zabo zoviwo. Babengafuni ukusinika kuqala besithi masibhatale imali yezifundo zabo, kodwa ixabiso lemfundo lomtana omnye ibiyi R400 ngonyaka. Zange sayibhatala lomali kuba sasingenayo.

©Eric Miller

Imidlalo Kunye Nokuhleka

Xa imini zilungile, besisitya irayisi kunye nenyama okanye inkukhu, ngamanye amaxesha besisitya intlanzi kunye namazambane. Xa izinto zimbi, besitya ipapa qha. Ngamanye amaxesha besingenakutya. Ngamanye amaxesha oomakhelwane bethu bebesinceda ngokusinika umgubo wepapa okanye irayisi, nathi besibapha ukutya.

Umzukulwana wam uZimi ebengahlali nam kodwa ebesiza kum xa kuphuma isikolo, ngenxa yalonto, ndandijongene nabantwana abathathu. Besidlala imidlalo emininzi kwaye senze izinto ezazindihlekisa kakhulu.

Ngamanye amaxesha besidlala undize, ndimane ndifihla intwe njengebhanti bona balikhangele. Ngenye imini umdlalo wethu wawusithi ukuba balifumene ibhanti, bangandibetha ngalo. ‘Ningandibetha ngalo.’ Ndabaxelela ukuba bangandikholelwa kuba ndandiziqhulela nje mna, sonke sahleka.

Usapho luka Felicia Mfamana

©Eric Miller

Sihleli emkhukhwini iminyaka emininzi futhi xa kunetha amanzi ebesehla ngodonga. Indawo yayigcwele ngamanzi nje. Sasiyifuna indlu kakhulu. Ndafaka isicelo sendlu, ndalinda. Qho kunyaka omtsha, bendimana ndiyobuza ngayo, bavele bandithembise qha. Yathatha iminyaka eyi-24 ukuba ndiyifumane indlu yam eseKhayelitsha.

Sasinamagumbi amabini anebhedi ezimbini phakathi kwawo, kunye nemikhukhu emibini emva kwendlu, apho abafana abadala bebehlala khona. Silishumi elinanye xa siphelele. Uyabo, ndingumama olungileyo kubantwana bam abadala nakubazukulwana bam. Bayandithanda kuba nam ndibathanda kakhulu, into endenza ndonwabe leyo.

Andikho mncinci ngeminyaka kodwa ndiyakwazi ukuba khathalela, kwaye ayingobantwana abaqaqadekileyo. Bayamamela xa ndithetha. Lonto ayenziwa kukuba ndibukhali. Imfihlo yam kukuthandaza.

‘Ndiyacela Thixo, undincende ndikwazi ukwenza abantwana bam amalungisa,’ nditsho. ‘Ndiyabulela Thixo, ngokundincenda.’ Lonto iyasebenza.