I-Sutherlandia Frutescens

© Marinda Louw
u”Zifo zonke” wazo zonke iintyatyambo zase Mzantsi Afrika, iSutherlandia frutescens’ iyanconywa kakhulu ngenxa yoku phakamisa amajoni omzimba, ukuchasana nezifo, nokuchasana nokudumba okuhamba nobuhlungu, isetyenziswa kwizigulo ezifana ne arthritis, umhlaza, neyeza lokukhula, nesifo se swekile (type 2 diabetes mellitus).
Inkcukacha zokuqala kubathimbi bama dutshi eKapa bachaze ama Khoisan nabantu abaziwa njengama Nama besebenzisa umxube owenziwe nge Sutherlandia ukuqaba izilonda zingachizi noku phelisa umkhuhlane. Inamagama angapha kwamashumi amabini anesihlanu, amagama asetyenziswayo, inkoliso yawo ayavuma ngamandla ukuphilisa akhoyo lwesisityalo. Igama elithi ‘Phethola’ (IsiTswana esithetha okokuba ‘iyatshintsha’), inganceda izigulo ezininzi, igama layo lase North Sotho yi ‘Lerumo-lamadi’ (‘umkhonto wegazi’) iSutherlandia yokucoca igazi, insizwa (isiZulu) ‘kugxotha ubumnyama’ logama ngesibhulu yaziwa ngokuba yi ‘kankerbos’ ichaza umsebenzi wayo, iliyeza elilwa nomhlaza.
Ngesintu zonke izityalo, zalentyatyambo zasetyenziswa ukwenza umxube ngokwe sigulo esinyangwayo. Umzekelo, ii-ti ezenziwe ngamagqabi neengcambu zisetyenziswa ukunceda iingxaki sezibindi, izintso, neengxaki zesisu. Izityalo ezomisiweyo zacolwa zagcinwa emanzini ashushu zisetyenziswa ukunyusa umdla wokutya, ithintele ilahleko (isetyenziswe ngempumelelo kwiizgulane ezine sifo se HIV/AIDS) nokunceda I (hemorrhoids) usuleleko lomchamo, negcushuwa. Iyasetyenziswa nasekuncedeni isifo sengqondo nomvandedwa ngokuse moyeni, kuquka ukukhawuleza ukudikwa, uxhalaba ngalo lonke ixesha, noxinzelelo lwengqondo. iSutherlandia isetyenziswa njenge ti, iipilisi, ijeli, amafutha okuthambisa, okanye amayeza enziwe ngamanzi.
Sutherland frutescens – yenye yentlobo ezifumaneka eMzantsi Afrika – sisihlahla esingu 1.2 m ubude namagqabi, nembewu efana nefele ekupha iintyatyambo ezifana nebhabhathane ngobume. Ukusuka ngo July ukuyokuma ngo December. Isityalo esikwaziyo ukumelana nembalela esikhula eNtshona, eMpuma, kunye nakwi phondo lase Northern Cape nakwezinye iindawo za Kwa-Zulu Natal. Ukwenziwa kwayo ngekhemikhali ne genetics (igazi) ziyahluka ngokwe zindawo. Sisityalo segadi esidumileyo esikhula kakuhle elangeni nakumhlaba owomileyo kwaye uyakwazi uku sasazwa ngokutyala imbewu emhlabeni, xuba Isanti kumlinganiselo okabini, nengxenye enye yemgquba. Esisityalo sivunwa endle kodwa akhona amasimi amancinci eNtshona Koloni we Sutherlandia afumaneka nakwi phondo lase Mpumalanga.
Uhlobo lwe genus Sutherlandia, ngoku elifakwe kwi Lessertia, lwalunentlobo ezintandathu (6), ezi sasazeke kumantla eAfrika, lunentlobo ezingamashumi amathandathu (60), amashumi amahlanu (50) wazo afumaneka kumantla eAfrika. Intlobo ze genus Sutherlandia ziye zohluke kwezo zise Lessertia, kuba zigcoliswa – zintaka zona. Ngaphandle koko ziyafana ngento yonke, kwaye iSutherlandia ininzi eLessertia.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie