I-Blue Cape Chamomile Oil Ithomalalisa Ukutshotshozela

© Peganum
I-Cape Chamomile (Eriocephalus Punctulatus) yenye yezityalo ze chamomile ezingaziwa kakhulu. Izityalo ze chamomile zisetyenziselwa i-oli yazo enyangayo. Ezona zihlobene nayo zidumileyo ziiGerman kunye neRoman chamomile, kodwa ne Maroc chamomile nayo iyasetyenziswa. Eneneni ayisiyiyo ichamomile, kodwa ubukho bezithako ze azulenic kwenza le oli ibenombala oluhlaza okwesibhakabhaka nowayanyaniswa ne-oli ze chamomile.
Esi sityalo saseMzantsi Afrika sibonwwa ngevumba laso eliswiti kunye nombala oqaqambileyo oluhlaza okwesibhakabhaka ofunxwa (ngomophu) emagqabini kunye nasesiqwini. Le oli iyanconyelwa izithako zayo ezihlisa umoya. Le oli isetyenziswa kakhulu ekunyangeni uvalo, ukuphuthelwa kunye neentloko eziqaqambayo. Ekuqaleni amagqabi ayehlohlwa kwimiqamelo ukukhuthaza amaphupha amnandi kwaye yayikwasetyenziselwa ukugxotha imimoya emva xa kukho umntu osandula kusweleka. Ithomalalisa ukutshotshozela kwaye ingasetyenziselwa ukunyanga izihlunu namalungu aqaqambayo ayanyaniswa nesifo samathambo, intloko kunye neentlungu zomqolo.
Le oli isetyenziswa ezikhemesti ngenxa yezithako zayo ezithomalalisa ukutshotshozela nezipholisayo. Ngenxa yokubanencasa ejavu-javi ingasetyenziswa njengesinandisi ekutyeni. I-Cape camomile ilinywa kwifama ebizwa nge Skimmelberg kwindawo yaseClanwilliam kodwa iyazikhulela njee kwiintaba zase Mpuma Koloni kunye nase Free State. I-Roman chamomile (Anthemis nobilis) ikhuliswa ngaphandle kwekhemikhali kwifama ebizwe nge Phandulwazi kwindawo yase Tyume Valley, kufutshane nase Hogsback kwingingqi yase Amathola. Akukho lula ukuzifudusa ezizityalo kwaye zinochuku kumanzi amaninzi. Amagqabi avunwa kanye ngonyaka; kwaye avunwa ngesandla. Ikholwa yimimandla epholileyo, enemihlaba ephakamileyo.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana