Amazinga Okuncedana no Mzimba we Ziqhamo Zasendle kweli lo Mzantsi

© Louise Brodie
Isifundo esinikeza umdla senziwa, sahlela ke iziqhamo zeli lo Mzantsi Afrika ezilishumi ukujonga izinga le (antioxidants) okanye izincedi mzimba zafaniswa iziphumo ne blueberry kunye ne cranberry. Amazinga wezincedi mzimba aphezulu ukuya ezantsi: Wild plum, Wild olive, Cape sumach, Blueberry, Christmas berry, Cross berry, Waterberry, Cranberry, Tortoise berry, Bietou, Num-num, Amakhiwane amuncu.
Ezityebileyo izincedi mzimba iblueberry kunye ne cranberry zabakwinqanaba lesihlanu nethoba, ngokulandelelanayo. Kwabonakaliswa okokuba ngokutya okuncinci kwe 25g ye wild plum, waterberry, num num, okanye amakhiwane amuncu kunganceda ukuphuhlisa izincedi mzimba ezidingekayo mihla le.
Zonke eziziqhamo zidliwa kakhulu kwantu, phaya ezilalini zase Mzantsi Afrika. Indzuzo yezizincedi mzimba, zenza umzimba ususe izitshabalisi mzimba kunye nase gazini. Ukunyusa izinga le antioxidants okanye izikhuseli mzimba ekutyeni kwakho kungakhusela umzimba ekuhlaselweni sisifo sentliziyo, amehlo, kunye nokunceda kwingxaki zokugcina ulwazi ngengqondo, kana njalo nokudibene nomdla nje entwini zithomalalisa nomgcipheko wosuleleko.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie