Amafutha iLavender ne Lavandin

© Marinda Louw
Intyatyambo iLavender yeyase Mediterranean, kwaye ayonzalelwane yase Mzantsi Afrika kodwa ke ityalwa apha eMzantsi. Amafutha eLavender akudidi oluphezulu aveliswa apha kweli kwaye athunyelwe kwamanye amazwe. Igama elithi Lavender lisuka kwisi Latin kwi gama elithi lavare ‘ukuhlamba’ okanye ‘ukuvasa’. Intyatyambo eyaziwa ngokuba yi ‘Lavender’-ludidi olungekho lunye yiyo lonto kukho ukungaqondi phakathi kwe-lavender ne lavendin. Ezona ntlobo zixhaphakileyo yi Lavandula angustifolia-eyaziwa ngokuba yi ‘lavender yokwenene’ - okanye ilavender yesingesi eyi Lavandula dentate-eyaziwa ngokuba yi Lavender yama-French okanye ispike lavender. Umhlobo wesithathu, oyinzala ye L. angustifolia ne L. latifolia ziphuma kwi oli eyaziwa ngokuba yi lavandin.
ILavandins zintyatyambo ezinkulu ezisetyenziswa ngenxa yencindi yobuswiti nevumba elikhakhazelayo. Eliqhelekileyo kwizinto zokucoca nezisetyenziselwa imfuxane. ILavender zinevumba eliswiti kwaye zisetyenziselwa impiliso njengoku zinoku khakhazela. Iyanceda ukuphilisa intloko ebuhlungu, isikhumba ezityabukileyo kwaye iyanceda nasekucoleni ukutya esiswini kuhlale kakuhle. Isifundo esenziwa eKorea sifumanise okokuba amafutha elavender anganceda ukungalali ngenxa yokuphelelwa bubuthongo kunye nomvandedwa. Eminye imisebenzi yalamafutha eLavender zimveliso zesepha-zokucoza nezokuhlamba ngenxa yamandla akunqanda kwaye abulale zonke ibacteria ezifana ne typhoid, diphtheria, streptococcus ne pneumococcus.
Ngamafutha ke la apholileyo, asetyenzisa kwizinto zokuthambisa ngenxa yoku phola noku thomalalisa kwaye inqanda ukwenzakala kwenyama iphilise amanxeba okutsha. Ingasetyenziswa ke iyodwa, kodwa kungcono xa ixutyiwe nenye I oli ithanjiswe kwi ndawo ezichaphazelekayo. ILavandin igcina isimo sengqondo sime kakuhle kwaye ingathomalalisa imithambo, iqinise imithambo iyenze isebenze. Ezintyatyambo nengcambu zivunwa ngenyanga yomnga (December) neyo mqungu (January).
Isimo sezulu kufuneka singabi shushu ngokugqithisileyo-okanye ngemini ezivuthuza umoya. Izimo zezulu ezinje zingane galelo ekufumaneni I-oli. Zithi ke ziveliswe zihluzwe ngomphunga apho eziqinileyo zihluzwayo. Ilavender yokwenene ivelisa isibhozo (8) ukuyoma kumashumi amathathu (30) ekhilo. Ilavandin ivelisa amashumi amane (40)-ukuyoma kumakhulu amabini anamashumi amabini (220) ekhilo ngokwe hectare ezingu 500 ukuyoma ku 1000 zekhilo zengcambu ezomileyo ngokwe hectare. Kuxhomekeka kwindawo, ulawulo ne mpatho. Zingamashumi amane anesibhozo (48) intlobo ze lavender namanye amakhulu khulu wentlobo kodwa zintathu intlobo ezisetyenziswayo ukuvelisa I lavender essential oil, L angustifolia, L latifolia (ispika amangqambi ambaxa)-kunye ne L, angustifolia x, L latifolia hybrid. Hlobo ngalunye oluvelisiweyo lohlukile ngokwenziwa nangemisebenzi.
Umzekelo, ioli esuka kwi lavandin hybrids ivelisa I oli eswiti esetyenziselwa iziqholi mzimba (perfumes). Intyatyambo ezinamahlahla ezaziwa ngokuba zi perennial bushy shrub zivela ehlotyeni zilinywa eNtshona koloni, eMpuma koloni, Kwazulu Natal, Freystata, eRhawutini, Limpopo kunye nase Mpumalanga. Zonke iindidi ze lavender azidibani nendawo enobushushu nelanga lohlobo eligqatsayo njengoko ezi zibanegalelo ekusulungekeni kwe oli. ISpike lavender ayidibani nombethe. Iintyatyambo zikhetha ilanga eligcweleyo-nokukhanya kwalo, umhlaba ongenamanzi adamileyo, yiyo lonto kubalulekile ukunkcenkceshela ngoko mlinganiselo.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie