Yintoni iPearl Millet?

Inkcazelo ne Mvelaphi

©Shanmugamp7
iPearl Millet (Pennisetum glaucum) yingca ende enyamezelayo kwimbalela ekhula ifikelele ku 3m ngobude namagqabi amade afana nesikhali, iingcambu zayo zinde kakhulu nentloko nenkozo ezinde okwengca. Iingcambu ezinde zenza isityalo sikwazi ukumelana nembalela kwaye iqine ngokuba iyakwazi ukufikelela emanzini angaphantsi komhlaba. iPearl Millet ivelisa ingqolowa (iinkozo) ezityiwa ngabantu kwaye nesityalo sonke singasetyenziselwa ukutyisa izilwanyane.
Kukholelwa okokuba isuka kwimi mandla esemazantsi wentlango iSahara e-Afrika kwiminyaka engama 4 000 eyadlulayo. Yaziwa ngokuba yi bulrush millet, manna (isibhulu), leotsa (Sepedi), nyalothi (ngesiSotho), inyouti (isiNdebele), mhunga, mhungu (Shangaan) okanye unyaluthi, unyawoti ne unyawothi (isiZulu).
iPearl Millet yingqolowa yesithathu ukubaluleka ngokwemveliso kumazwe eSADC (Southern African Development Community) gokwemveliso, ivelisa 0.9 yezigidi ze ha, iNamibia ne Tanzania, nganye ibanga ama 27%. Elona lizwe livelisa iPearl Millet eninzi emhlabeni yi India, kuqikelelwa ku 11 million ye toni eveliswe ngonyaka ka (2014).
Kakhulu ikhuliswa kumhlaba olinywa ngenjongo yokondla usapho kwi lali zase Mazantsi we Afrika kwimimandla enesimo sezulu esishushu kwaye nomhlaba owomileyo, onemvula engathanga gqolo.

Imisebenzi ye Pearl Millet

Ukwehla kwezinga lokukhulisa iPearl Millet, endaweni okanye ngenxa yombona, kwenziwa zizinto ezininzi: uphando lubonisa okokuba umbona ngowona unemveliso ephezulu kune Pearl Millet kwaye kulula ukuwusebenzisa, yiyo lonto ke eyenza umbona ukhethwe. Oku kwenze okokuba umbona ukhuliswe kwindawo ezingalungelanga ukukhulisa umbona kwaye ingakwazi ukuvelisa. Kwelinye icala ipearl millet ihlala inesivuno esithembakeleyo nakwi ndawo ezinobushushu nezomileyo ukuxhasa isivuno esibonakalayo somoni (namazimba).
Kukho ke umqondo wokuba ipearl millet yeyokutyisa izilwanyane kuphela, kwaye ayilungelanga mntu, ngaphandle kwabo bathwaxwa yindlala. Akuyonyaniso oku. Ipearl millet kukutya okuqhelekileyo okune 9% yeproteni, uhlobo lwe Amino acids kwaye namafutha ogqitha umbona. Kulula ke ukucoleka esisiwini kuna mazimba, kuba ayinazo itannins, embala omdaka, ekrakra emlonyeni.
Ipearl millet isetyenziswa njenge ngqolowa epheleleyo, efana nerayisi,eqephuliweyo okanye ngomgubo wokwenza iroti, kukutya oku didiyelweyo, iipapa, couscous, iziselo kunye ne zidlo ezincinci.
iPearl Millet ivelisa iinkozo zengqolowa ezinge nayo igluten, inezinga eliphezulu lamandla kodwa iphantsi kwi glycemic index eyaziwa ngokuba yi (Low GI).
Iphezulu kumafutha, protein, iron, zinc ne phosphorus (P) -P ibalulekile ekukhuleni kwamathambo. Iinkozo zingatyiwa njenge ngqolowa ephekiweyo okanye zisetyenziswe ukudidiyela umqombothi okanye igutywe ibengu mgubo. Xa ikukutya kwezilwanyane,ipearl millet ikhuliselwa ukuvelisa ingca okanye ukutya kwezilwanyane, ingca okanye kufakwe izilwanyane zizityele xa sele iluhlaza yaka. Xa ikukutya kwezilwanyane, iinkozo zinganikwa iinkukhu, isityalo esiluhlaza esisetyenziselwa ukutyisa imfuyo okanye ukuvelisa ingca ne mizi. Izityalo ezomileyo singasetyenziswa ukwenza iibhaskiti, ukubamba okanye ukubiya.

Translated by Zikhona Plaatjie