Winnie Mandela

© Dr. Peter Magubane

Igama lakhe lesi Xhosa ngu Nomzamo: Igama lakhe elipheleleyo yayingu Nomzamo Winifred Zanyiwe Madikizela. uWinnie Madikizela-Mandela ukhunjulwa kakhulu nengo “Mama we Sizwe” kunye neenzingo awathi wahlangabezana nazo njenge nkosikazi ka Nelson Mandela ngethuba eseluvalelweni. Ukuqala kwakhe ukusebenza njengo nontlalontle, uWinnie wancama izinto ezininzi waze wanikezela ngobomi bakhe ekulweni ingcinezelo eyayimngqongile.

Oku kwamenza umlweli wenkululeko odumileyo naye kwelakhe icala. iSouthAfrica.co.za ijonga ubomi bakhe kunye negalelo lakhe kwilizwe elimanyeneyo esiphila kulo namhlanje. Oku kusukela ekukhuleni kwakhe kwindawo yase Transkei ukuya kuba phambili kwiintshukumo ezazilwela inkululeko yelizwe loMzantsi Afrika.

Translated by Zikhona Plaatjie

Winnie Mandela – Ukuqala Kobomi Bakhe

Ngomhla ka 26 September 1936, uNomzamo Winifred Zanyiwe Madikizela wazalwa kwilali yase Bizana kwindawo eyayikade ibizwa nge Transkei (Mpu...more

uWinnie Mandela: Itshantliziyo Naye Ngeyakhe Indlela

uNelson Mandela wayesoloko exakekiswe zizinto zizinto ezibangakanya umbutho we ANC, udabi lwamatyala kwaye umzi ka Winnie wawusoloko ugqogqw...more

uWinnie Mandela Wagxothwa waze Wahlukunyezwa

Ngeminyaka ka 1960 kunye neka 1961 yazisa ulonwabo ebomini buka Winnie, ngokuzalwa kwentombi yakhe yesibini, uZinziswa....more

uWinnie Mandela Uyaqhubeka Nomzabalazo

Ngaphandle kwazo zonke ezi banning orders,zimthintela iindawo ahamba kuzo, uWinnie waqhubekeka nokuququzelela umzabalazo....more

Iintetho Ezimbi Ezijikeleze uWinnie Mandela

Emva kokuba wakhululwa uWinnie elubhacweni eBrandfort, wavunyelwa ukuba abuyele ekhayeni lakhe ngomnyaka ka 1986....more

Iminyaka Yokugqibela Ka Winnie Mandela

Emveni kokuba Ucalu-calulo luphelisiwe kwaye sele kuqale ne The Truth and Reconciliation Commission, uWinnie Mandela waye wabizwa ngenxa yez...more