uWinnie Mandela Wagxothwa waze Wahlukunyezwa

Woyikiswa ngama Polisa

©Eric Miller

Ngeminyaka ka 1960 kunye neka 1961 yazisa ulonwabo ebomini buka Winnie, ngokuzalwa kwentombi yakhe yesibini, uZinziswa. Kwaye nomyeni wakhe wafunyanwa engenatyala kwityala le Treason Trial. Olu lonwabo lwakhawuleza lwaphela xa uNelson kwanyanzeleka ukuba azimele. Oku kwenza utshintsho olukhulu kubudlelwane babo. Ngoku kwakufuneka adibane nomyeni wakhe ozifihlileyo, kwiindawo ezisekhusini.

Kwaye wayesaqhubeka nezenzo zakhe emfihlakalweni, ethanda engathandi uWinnie. Ngomhla ka Matshi 1961, uNelson wabhaqwa waze wagcinwa eluvalelweni lwamapolisa. Ngeli ityeli akazange aphinde akhululwe de kwadlula iminyaka engama 27.

Aqikelela ukuba uWinnie uzakuqhubekeka nomsebenzi womyeni wakhe wokulwa norhulumente, amapolisa amnika ixwebhu elibizwa nge banning order ngomnyaka ka 1962.

Phantsi kweli xwebhu ke, uWinnie kwakufuneka aphelele Johannesburg kwaye engavumelekanga ukuba angene nakuzo naziphi na izakhiwo zemfundo okanye ahambe iintlanganiso ezinabantu abalinani elingaphaya kwesibini. Imizi evelisa iindaba nayo yayingavumelekanga ukuba ipapashe nantoni na ayithethileyo.

Wayehlala ehlukunyezwa ngamapolisa, nawayezama ukumoyikiswa ngokugqogqa ngolunya indlu yakhe. uWinnie uchaza olugqogqo ngoluhlobo: “Okwakunkqonkqozwa kwasezinzulwini zobusuku, xa kanye yonke into ekungqongileyo ithe zole cwaka. Kuthetha ukuba iitotshi eziphandlaoy zazikhanyiswa ngaxesha nye kuzo zonke iifestile zendlu ngaphambi kokuba kukhatywe ucango luvuleke. Kuthetha ukuba inika igunya konogada ukuba bafunde zonke iincwadi zembalwelwano ezisendlini. Kuthetha ukuba kuphengululwa kwanto iyincwadi kwi shelufa zakho, kuphakanyiswa iikhaphethi, kugqogqwe phantsi kwebhedi, kuphakanyiswe abantwana abalele koomatrasi kujongwe naphantsi kwama shiti abo. Kuthetha ukuba kuzakungcanyulwa iswekile yakho, umgubo, kunye nazo zonke iziqholo zokupheka ezisekhitshini lakho, Kudilizwe zonke iimpahla zakho kugqogqwe zonke iimpokotho. Lilonke kuthetha ukuthathwa kwakho ekuzeni kusa, uhruqwe phambi kwabantwana bakho, babe bekhala bebambelele emibhinqweni yakho, becenga indoda emhlophe ukuba ishiye unina.”

Iibanning Orders Ezihrabaxa

©Eric Miller

Ngomhla ka Meyi 1963, uMandela wathunyelwa kwintilongo esesiqithini sase Roben Island. Oku kwakungazange kulindeleke. Ukuze akwazi ukutyelela umyeni wakhe, kwakufuneka ahambe umgama ongama 1 400 km ukusuka e Johannesburg ukuya eKapa. Ze aphinde akhwele isikhephe esihamba umgama oli 10km ukuya kwesi siqithi.

Xa efika apho, wayevumeleke ukuba abonane no Nelson imizuzu engama 30 kuphela. Abe eme kwelinye icala lecingo. Unogada wayemela kufutshane ukuze abave ukuba bathini, kwaye kwakufuneka bathethe ngolwimi lwesi Ngesi kuphela okanye olwesi Bhulu.

uWinnie wayesele enikwe olunye uxwebhu oluhrabaxa lwe banning order ngomnyaka ka 1965. Eli ke ixwebhu lwalungamvumeli ukuba aphumele ngaphandle kwelokishi yase Orlando West. Kwaye kwanyanzeleka ukuba awuyeke umsebenzi wakhe njengo nontlalontle kwaye wasokola ukuphinda afumane omnye, nanengoko amapolisa ayegrogrisa kwamntu ingathi ufuna ukumqesha.

Amapolisa angenelela kanobom nakwimfundo yabantwana bakhe, nababenyanzeleka ukuba batshintsha-tshintshe izikolo phambi kokuba uWinnie abathumele kwisikolo esikwilizwe lase Swaziland.

Translated by Zikhona Plaatjie

uWinnie Mandela Uyaqhubeka Nomzabalazo

Ngaphandle kwazo zonke ezi banning orders,zimthintela iindawo ahamba kuzo, uWinnie waqhubekeka nokuququzelela umzabalazo....more

Iintetho Ezimbi Ezijikeleze uWinnie Mandela

Emva kokuba wakhululwa uWinnie elubhacweni eBrandfort, wavunyelwa ukuba abuyele ekhayeni lakhe ngomnyaka ka 1986....more