Iintetho Ezimbi Ezijikeleze uWinnie Mandela

Ibali Lika Stompie Seipei

©Eric Miller

Emva kokuba wakhululwa uWinnie elubhacweni eBrandfort, wavunyelwa ukuba abuyele ekhayeni lakhe ngomnyaka ka 1986. Wathi xa ebuya wafumanisa ukuba ingingqi yakhe sele inobungozi obandileyo, kunye nolutsha lukhokele uqhankqaazo kwaye nohrulumenye sele ebhengeze ilizwe njengelikwimo engxamisekileyo (state of emergency).

Ngelinge lokunceda abo bahrintyeleke kulombhodamo, uWinnie wasungula iqela lebhola ekhatywayo newalibiza nge Mandela United Football Club (MUFC), esenzela ulutsha olungathanti ntweni. For Ngelishwa ke, eli qela likhunjulwa kakhulu ngemikhwa yalo yobundlobongela. Eli qela langquzulana nabafundi abathile besikolo sase Daliwonga High School, iziphumo zoku zashiya umzi ka Winnie kunye no Nelson utshiswe wabaluthuthu.

Amabali ayejikeleza ukuba eliqela le MUFC, linento yokwenza nokubethwa, ukuxhwilwa kunye nokungcungcuthekiswa kwabantu. Elona bali lidumileyo koku, libali lika Stompie Seipei. Ngomnyaka ka 1988 uStompie wayeyinkwenkwana eyayizibandakanye nemizabalazo neneminyaka eli14, kwaye wayekunye neqela le MUFC ngethuba enyamalala ngenye imini. Umzimba wakhe wafunyanwa ethubeni ngase Soweto.

Wayebethiwe waze waxhaxhwa ngezikere zegadi. Umhlobo ka Winnie, uDr Abu Baker Asvat wayekhe wamxilongela ezizivubeko zakhe phambi kokuba asweleke. uAsvat wanika ingxelo yokuba uStompie wayonakele ingqondo, egabha igazi kwaye engakwazi nokutya. Kwiintsuku ezimbalwa emveni kokuba enikeze ngale ngxelo, uDr Asvat wabulawa ngamadoda amabini awafika kuye azenza izigulane.

Wayanyaniswa Nokutshiswa Kwabantu Ngamavili

©Eric Miller
1988 Fireman at the scene of the fire at Winnie Mandela's house

uWinnie wayejikelezwe ziintetha ezimbi, ngenxa yokoyamana kwakhe kunye neqela le Mandela United Football Club (MUFC) kunye nemikhwa yalo. Kukhangeleka ngathi iminyaka emininzi yokuhlukunyezwa ngokwasenyameni nase mphefumlweni kunye nazo zonke iinzima awathi wamelana nazo entilongweni; kunye nokugxothwa kwakhe kwikhaya lakhe, kwamenza womelela uWinnie.

Kwaye waye wabonwa njenge joni elithile. Kwakukho amahre wokuba indlela enza ngayo izinto yayisiya iba ndlongondlongo kwaye ifana neyamajoni. Kwenye yeentetho zakhe ezidumileyo, uWinnie wathi, “sisonke, sibambene ngeezandla, kunye namagogogo ethu ematshisi kunye namavili emoto (okugangxa ebantwini xa betshiswa), sizakulikhulula eli lizwe".

Xa kucaciswa ke oku, wayethetha ngesenzo sokuganxa abantu ngamvili emoto, indlela yokungcungcuthekisa nokugweba ngokubulala, ngokuthi kugangxwe umntu ngevili lemoto lijikeleze isifuba ze babaswe bephila. Kuthiwa uWinnie wakhuthaza esi senzo kwintetho yakhe kwaye wayanyaniswa nezehlo ezininzi zokubulawa kwabantu ngalendlela.

Iintetho Ezimbi Zabanegalelo Elibi

©Eric Miller

Ngomnyaka ka 1990 umbutho we ANC waphinda wavunyelwa ukuba uqhubekeke ngokusemthethweni. uNelson Mandela kwakunye namanye amabanjwa ezepolitiki, baye bakhululwa entilongweni. uWinnie waphinda wamanyaniswa kunye nomyeni wakhe emveni kweminyaka engama 27.

Emva koko, ekubeni inkululeko isiya isondela, uNelson kunye no Winnie babebambeke kwiintlanganiso kunye neentetho, ukuzula ilizwe nakumanye amazwe kwakunye nokuthetha nonoo ndaba. uWinnie wabekwa ngumbutho we ANC njenge ntloko ye Zentlalo Kakuhle (Social Welfare) ngenyanga ka Septemba yalonyaka. Ngomnyaka ka 1991, uWinnie kunye nabo wayesebenzisana nabo kwiqela le Mandela United Football Club (MUFC) bema enkundleni, bexoxa ityala lokuxhwila nokubulala uStompie Seipei.

uWinnie wafunyaniswa engenatyala ekubulaweni kwale nkwenkwana. Kodwa ke, wafumana isigwebo seminyaka emihlani eseluvalelweni ngenxa yezihlandlo ezine zokuxhwila kunye nonyaka omnye wokubandakanyeka ekubethweni komntu. Esi sigwebo sahamba sancitshiswa sabayiminyaka emibini exhonyiweyo, waze wadliwa nemali engange R15 000. Eli tyala kwakunye nezintetho zimbi zijikeleze uWinnie, zabanegalelo elibi emtshatweni wakhe.

Umfanekiso ka Nelson kunye no Winnie njengesibini esonwabileyo waqala ukutshabalala. Kwabakho namahre ajikelezayo okukrexeza. Ngomnyaka ka 1992, esi sibini sabhengeza ukwahlukana kwaso, kwalalandela ukumka kuka Winnie kuzo zonke izikhundla zakhe kumbutho we ANC. Umtshato wabo waqhawulwa ngokuse sikweni ngomnyaka ka 1996.

Translated by Zikhona Plaatjie

Iminyaka Yokugqibela Ka Winnie Mandela

Emveni kokuba Ucalu-calulo luphelisiwe kwaye sele kuqale ne The Truth and Reconciliation Commission, uWinnie Mandela waye wabizwa ngenxa yez...more

Winnie Mandela

uWinnie Madikizela-Mandela ukhunjulwa kakhulu nengo “Mama we Sizwe” kunye neenzingo awathi wahlangabezana nazo njenge nkosikazi ka Nelso...more