Iminyaka Yokugqibela Ka Winnie Mandela

Ukuqhubekeka ngee Nkqubo Zakhe

©Eric Miller

Emveni kokuba Ucalu-calulo luphelisiwe kwaye sele kuqale ne The Truth and Reconciliation Commission, uWinnie Mandela waye wabizwa ngenxa yezityholo zokubandakanyeka ekubethweni nasekubulaweni kwabantu okwakusenziwa liqela le Mandela United Football Club (MUFC).

Emva kokuba u Archbishop Desmond Tutu emcenge ukuba enze njalo, uWinnie wangxengxeza kwiintsapho zika Stompie Seipei kunye nezika Abu Baker Asvat. Emva koko waqhubekeka nenkqubo yakhe yokusombulula izinto akholelwa kuzo. Waya kwilizwe lase Zimbabwe ngomnyaka ka 2000 ukuze axhase aba babesaya kubangamajoni ase Zimbabwe, ekuthatheni iifama zabantu abamhlophe.

Wayekwaxhasa nesicelo sokukhutshwa kwamachiza okuthomalalisa intsholongwane ka gawulawo-iHIV mahala, kwabo banesi sifo. Emveni kweminyaka esixhenxe, wonyulwa, wabakwi nxalenye ye National Executive Committee ye ANC. Ngomnyaka ka 2009 wabekwa kwindawo yesihlanu kuluhlu lwa Malungu ase Palamente eqela le ANC.

Ukhunjulwa nge Galelo Lakhe

©Eric Miller
Ugqatso luka Winnie lwafikelela esiphelweni kwimva kwemini ethile, ngomhla ka Apreli 2018, emva kwengulo ende. Wayengqongwe lusapho kunye nabahloba bakhe ngethuba elandulela eli. Ukhunjulwa nge galelo lakhe kwinkululeko yelizwe lo Mzantsi Afrika. Ibhinqa elomeleleyo kwaye elinamandla. Ngomnye wamabhinqa ahloniphekileyo nabhiyozelwayo kwimbalo yoMzantsi Afrika.

uWinnie Uwongiwe

©Eric Miller

uWinnie unconywa kakhulu ngegalelo lakhe kwinkululeko yelizwe loMzantsi Afrika, kwingcinezelo yokucalulwa ngokubuhlanga. Unintsi lwabantu lumbona njengomnye wabantu ababephambili kwiintshukumo zokulwelwa inkululeko yeli lizwe. Nto leyo ibangele ukuba ii gala dinner kunye neminye imisitho ebalulekileyo emininzi ibizwe ngegama ngaye, ngendlela yokuwonga imisebenzi yakhe.

Phakathi kwamawonga akhe amaninzi asesikweni kukho la alandelayo: Freeedom of the City of Aberdeen (1984), United Nations Prize in the field of Human Rights (1988), The Order of Luthuli in Silver (2016). Emveni kokuba elandulele eli, uWinnie waye wenzelwa umngcwabo wesizwe (State funeral) kwibala lase Orlando Stadium, eJohannesburg. Inkonzo yomngcwabo wakhe yazinyaswa zizihlonipheki zezepolitiki, ze imbali ngobomi bakhe yafundwa ngu Mongameli uCyril Ramaphosa.

Translated by Zikhona Plaatjie

Winnie Mandela

uWinnie Madikizela-Mandela ukhunjulwa kakhulu nengo “Mama we Sizwe” kunye neenzingo awathi wahlangabezana nazo njenge nkosikazi ka Nelso...more