uWinnie Mandela Itshantliziyo Naye Ngeyakhe Indlela

Ibhinqa Elinesibindi

©Dr Peter Magubane

Ukutshata nomnye wabantu abadumileyo ngokuphikisana nomthetho wocalu-calulo, kwakungekho lula. uNelson Mandela wayesoloko exakekiswe zizinto zizinto ezibangakanya umbutho we ANC, udabi lwamatyala kwaye umzi ka Winnie wawusoloko ugqogqwa ngama polisa. uWinnie naye kwelakhe icala wayezibandakanya nomzabalazo kwelakhe icala, nkqu nange lixa waye khulelwe.

Ngomnyaka ka 1958 wazibandakanya neentshukumo ezilwa ukuphathwa kwama pasi, eyalandela emva kwi matshi yamabhinqa neyaziwa kakhulu eyayingomhla ka Agasti 1956.

Nayo le matshi yayiqhankqalezela kwale mithetho yama pasi. Waba ngomnye wamabhinqa angama 1000 awathi abanjwa. Yena kunye nabanye, bathatha isigqibo sokuhlala eluvalelweni kangangesithuba seveki ezimbini endaweni yokufaka isicelo sebheyile engxamisekileyo.

Kulapho ke wathi wabona iimeko ezingaginyisi mathe, zentilongo zase Mzantsi Afrika. Emveni kokuba ekhululiwe, amapolisa kunye noluntu jikelele lwaye lwamazi njengebhinqa elinesibindi, elingadingi koyama ngomyeni wakhe odumileyo. Akuzange kubekudala, waphulukana nomsebenzi wakhe kwisibhedlele sase Baragwanath. Intombi yakhe kunye no Nelson, uZenani, wazalwa ngomnyaka ka 1959 kanye emva kwesi siganeko.

Amathemba ka Winnie

©Eric Miller

uWinnie wayekhuthazwa ekwaxhaswa ngamanye amabhinqa awayelwelwa utshintsho nawo, kulo hrulumente wobandlululo. Lamabhinqa ayequka abantu abafana no Lillian Ngoyi, uHelen Joseph, uAlbertina Sisulu, uFlorence Matomela, uFrances Baard, uKate Molale, uRuth Mompati, uHilda Bernstein kwakunye no Ruth First. La manina abangabantu abathembekileyo ebomini buka Winnie, into apha eyayinqabile ngeloxesha.

Amaxesha amaninzi abantu abazihlobanisa nabezepolitiki abafana no Winnie, abalwela amalungelo abantu, kwakuye kuhambe kuvele into yokuba bazi mpimpi zika hrulumente. Kwakunzima kuye ukuba angathemba abantu. Yaqala inkathazi phakathi kuka Winnie nsapho lwakhe emva ekhaya kwelase Transkei, ngethuba kuwiswa umthetho we Bantu Authorities Act.

Inkosi Kaizer Matanzima, omnye owayesakuba lisoka elibekelwe ukutshata no Winnie, nowayekwangumqeshi ka tata ka Winnie, waba ngakwicala lika hrulumente ekuxhaseni lomthetho. Iqela eliphikisayo lohlanga lwama Pondo elalibizwa nge Intaba, lagqogqa ikhaya lika Winnie ngabusukwazana buthile, laze labetha ngokumasikizi umama omncinci ka Winnie.

Eli qela lagqibezela ngokutshisa uronta wakulo Winnie waba luthuthu. Olu hlaselo lwakhokelela ekubeni umama omncinci ka Winnie akhubazeke ukuqala esinqeni ukwehla.

Lo mfazi wakhulisa uWinnie njengowakhe, wathi wasweleka kwixesha nje elincinci emva koku. Emva kwayo yonke lonto, utata ka Winnie waqhubeka nokuxhasa uMatanzima. Wade wanikwa nesikhundla kwikhabinethi yase Transkei. uWinnie wakubona oku njengokungcatsha okungasayi kulinganiswa, ukuba utata wakhe abe ngakwicala labacinezeli. Olu ngquzulwano lwaluchitha-chitha usapho.

Translated by Zikhona Plaatjie

iLifa lika Albertina Sisulu

uAlbertina Sisulu, othandwa kakhulu de abizwe ngokuba ngu Mama we Sizwe okanye uMa Sisulu, udume ngokuba litsha ntliziyo lase Mzantsi Afrika...more

uWinnie Mandela Wagxothwa waze Wahlukunyezwa

Ngeminyaka ka 1960 kunye neka 1961 yazisa ulonwabo ebomini buka Winnie, ngokuzalwa kwentombi yakhe yesibini, uZinziswa....more