Ulawulo Lwesivuno Sembewu Zembotyi eZiluhlalaza

© Louise Brodie

Ukujikeleza kwesi vuno

Isivuno sembotyi eziluhlaza, kufuneka zijikeleziswe nezinye izivuno ezingezizo uhlobo lwembotyi ukunqanda ukosulelana kwezifo ezifana ne Fusarium-Wilt, Anthracnose kunye ne Bacterial Blight.

Isivuno - Itoni ngokwe hectare

Okuqhelekileyo (conservative): Itoni ezintandathu (six tones)
Okuphakathi (Average): Itoni ezisibhozo (eight tonnes)
Okulungileyo (Good): Itoni ezingapha kwe shumi elinambini 12+ tonnes

Ukuvuna

Qala ukuvuna kwi veki ezilishumi (10). Phinda uvune kwakhona kwi ntsuku ezimbini ukuya kwezintathu ukuze kukhule ezinye iintyatyambo kwenyuke nemveliso.
Emveni koko kungavunwa mihla le ukuze imbotyi ezise ncinci zifumaneke zisencinci zisekraca kraca njengoko imbotyi zikhawuleza ukuvuthwa, ingakumbi xa isimo sezulu siba shushu ehlotyeni.
Vuna imbotyi eziluhlaza kwakusasa kungeka bikho shushu njengoko imbotyi zingoma zibune xa kushushu. Kubalulekile ukuzifunela indawo epholileyo kwithuba le yure ezimbini zivuniwe.

Ukuzigcina

Gcina iimboti kubushushu obu kwisine ukuyokuma kwisihlanu kubuninzi bentsuku ezisixhenxe ukuqinisekisa okokuba uvelisa imbotyi ezikumgangatho ophezulu. Kufuneka indawo yokuzigcina ibenokufuma okungapha ko 90%.

uLawulo Lwenkumba ne Zifo

Kubalulekile okokuba umvelisi afumane ingcebiso kokufutshane osebenza ngembotyi okanye lowo usebenza nge khemikhali ezinceda kulawulo lwenkumba nezifo.

Inkumba

iNematodes, eyona ngxaki ixhaphakileyo yi Root Knot Nematodes kufuneka zinyangwe ngoku ngokunyanga umhlaba phambi kokutyala, iAmerican bollworm, aphids pumpkin fly, Red Spider Mite, ne Thrip zinkumba ezixhaphakileyo kwi mveliso yembotyi eziluhlaza.

iZifo

Ezinye zezifo ezixhaphakileyo eziphazamisa imveliso ye mbotyi eziluhlaza yi Rust, Bean Mosaic Virus, Fusarium Root Rot, Anthracnose, Bacterial Blight ne Sclerotinia.

Translated by Zikhona Plaatjie