uKutyala iiMbotyi eZiluhlaza ezine Ntambo

© Louise Brodie

uSasazeko

Imbotyi eziluhlaza ziya sasazeka ukusuka kwi mbewu.

Indlela yoku Zityala

Ukutyala kwenziwa ngqo ngoku hlwayela imbewu. Ukutyala kwenziwa ngesandla okanye ngomatshini. Izithombe zityalwa ubude obuya emhlabeni obungange sibini ukuya kwisithatu se sentimitha.

Ukuqelelanisa

Izityalo kufuneka ziqelelaniswe kangange sentimitha ezintlanu ukuya kwi shumi. Kwi miqolo eyi 50 ukuya ku 60 we sentimitha. Ziqikelelwa kwizityalo eziyi 400 000 nge hectare.

Ixesha loku Hlwayela

Imbotyi eziluhlaza zingatyalwa ukususela ngo August ukuya ekupheleni kuka March into ebalulekileyo ngamaqondo obushushu okokuba angehli pha ngenyanga ka May.

Ixesha loku Khula

Imbotyi eziluhlaza zifikelela ekukhuleni ziqale ukuvunwa kwintsuku ezi 60 ukuya kweziyi 70 ukususela ngexesha ebezityalwe ngalo. Zingavunwa rhoqo ukususela kusuku lwe 90 ukuya kwele 100 ukususela ngexesha ebekutyalwe ngalo.

Izichumisi

Kuhlala kubongozwa okokuba kusetyenziswe okuxelwe ngokusebenzisa iziphumo isampula zomhlaba ezithathiweyo zahlolwa kumabala ezityalwe kuwo. Xa umhlaba uthe walungiswa wacocwa kulungile ukufaka umgquba wokuchumisa.kwaye oku phezulu ku400 ukuya ku 500 we milliliatres yomhlaba xa kulinywa emasimini.
Nesiphi isivuno esingaphezulu esityaliweyo zifakwa emhlabeni ngelixesha. Kuye kwenziwe oku nge veki ezine phambi kokutyala. Xa ukulungele ukutyala sebenzisa ihectare eziyi 1000 ngokwe kilograms nge hectare yeN (Nitrogen) P (Phosphorus) K (Potassium) kuba ngokwe 2:3:4 ngaphezulu komhlaba ngaka nge centimitre eziyi 10 emhlabeni. Kwiveki ezimbini ukuya kwezintathu emveni kokutyala qaba i150 kilograms ze LAN ngokwe hectare emveni kweveki ezimbini (Kwintsuku eziyi 35 emveni kokutyala) enye i150 ngokwe hectare.

Ukunkcenkceshela

Umhlaba kufuneka ufume xa kutyalwa. Xa ugqibile ukutyala nkcenkceshela umhlaba kakuhle. Yeka imbewu inwebe, xa izityalo zivelile, uqikelelo lwentsuku ezi sixhenxe ukuya kwishumi emveni kokuyalwa, emveni koko kungaphinda kunkcenkceshelwe kwakhona.
Nkcenkceshela i35 ukuya kwi 40 mm yamanzi ngeveki. Imihlaba enesanti iye isebenzise amanzi amaninzi. Ngaphande ngokuba umhlaba uxinene kakukhulu kunga nkcenkceshelwa kabini ngeveki.

Translated by Zikhona Plaatjie