Imbotyi eZiluhlaza eZinentambo ngesiNgesi

© Louise Brodie

Igama ngoko bu nzululwazi: Phaseolus vulgaris L
Igama eliqhelekileyo: Imbotyi eziluhlaza

Inkcazelo nge Sityalo

Ingaba lihlathi okanye ezizinde zaziwa ngolwimi lase mzini ngokuba zi runner, kufuneka zityalwe nesiseko sokuzixhasa ukuze zingabikho emhlabeni.

Imisebenzi Yazo

Ziyaphekwa zityiwe okanye ezise ncinci zingasetyenziswa kwi sidlo esihlaza esisempilweni esaziwa ngokuba yi salad. Ziyakwazi noku xilongwa zinkonxwe.

Imfuneko Zomhlaba na Malungiselelo

Xa uqala ukulungisa umhlaba, thatha omncinci okokuba uhlolwe kumzi wokuhlola umhlaba ilabhoratri ehloniphekileyo. Thetha nomntu okufutshane osebenza ngezolimo akucebise. Imbotyi eziluhlaza ziphila ngcono kumhlaba owondlekileyo onesanti, nodaka kwaye ohluzekileyo. Zingakhula kumhlaba nodaka oluninzi kodwa ke ayingombono oxhaswayo.
Imbotyi eziluhlaza zingakhula kumhlaba one pH ene asidi engu 5.6 kodwa imveliso ezilungileyo zifumaneka kumhlaba one pH engu 6.0 ukuya ku 6.5. Imbotyi eziluhlaza azikhuli kakuhle kumhlaba one tyuwa okanye ialkaline.

Isimo seZulu

Esona simo sezulu silungileyo ngama 18 ukuya ku 26 ubushushu, nobuncinci bobushushu obu ngu 5 degrees celcius nobuninzi bobushushu obungu 35 degrees celcius ecaphazela umgangatho wemveliso.
Imbotyi eziluhlaza ke sisivuno sexesha lase hlotyeni kwaye ziyathanda ukufunyanwa yingqele xakubanda kwaye azilungi kwi khephu. Izidingo zesimo sezulu ziyashiyana okwesilimo kancinci kodwa hayi kakhulu.

Izilimo

Ukohluka kwamahlathi
iWintergreen, Contender, Class Act, World Cup, Provider, Imali, Malelaan, Star 2000, Derby Star 2052, Espada, Champ.
Intlobo Zemihlaba
Witsa, Lazy Housewife

Translated by Zikhona Plaatjie