Ulawulo lwe Nkumbi kwi Ngqolowa

© Chris Daly

Amafama kufuneka ahlale ewujonga umhlaba wawo ukuze akwazi ukubona izinambuzane neengxaki zezifo phambi kokuba zixake. Iinkumbi ezithile nezifo zinganyangwa, ngenjongo yokuphilisa izityalo, nangona ezinye zinga setyenziswa njenge zithinteli xa iimeko zincedisana nokukhula kwengqolowa.

Izithinteli zeenkumbi zona, akufunekanga zibonwe njenge mbumbulu eyangqo, kodwa kufanele zisetyenziswe nendlela zolimo ezifana nojikeleziso lwezityalo, ukungaphazamiswa komhlaba nokukhuthaza ukukhula, nokusebenzisa izichumisi ezikwaziyo ukumelana neenkumbi, imbewu evunyiweyo ngokwe zolimo, ukulingisa umhlaba kakuhle kunye nolawulo oluluqilima ukuze kuthintelwe iingxaki. Eyona nto ekufuneka iqondwe kukuba izityalo ezityalwe kumhlaba olungileyo ziyakwazi ukumelana noxinzelelo lomhlaba ozingqongileyo kunye nezifo, kunezityalo ezityalwe kumhlaba ohluphekileyo.

Xa kuthethwa ngolawulo lweenkumbi, kungcono ukokha ubudlelwane nalowo usebenza nge khemikhali okanye umfama ukukunceda okokuba ukwazi ukuchonga nokulawula iinkumbi. Namafama athengisayo asele ezisekile ayekwenza oku, kuba ayaqonda akukwazeki ukwazi konke ngemveliso. Utshintsho kwisimo sezulu lwenza utshintsho kwintlobo zezinambuzane nezifo, kwenze ukuba ezi zivele kwimimandla ezingazange zivele kuyo, nangamaxesha ezingazange zavela ngawo ngaphambii. Izinambuzane ezahlukileyo zihlasela iindawo ezohlukileyo kwisityalo sengqolowa, ngaphezulu ngaphantsi komhlaba. I-Agriclutural Research Centre ichonge yachaza ngezintlobo zilandelayo, zizezona zifuna ukuqwalaselwa kulawulo lwe nkumbi kwisivuno sengqolowa:

Izinambuzane Ezitshabalalisa Imbewu ne Siqu

I-Black maize beetle, grater false wireworm kunye ne lesser false wireworm ziyazivelela kwindawo ezifumana imvula zehlobo. Ezizinambuzane zitya imbewu nesiqu sezithole zengqolowa, ngaphantsi nje komhlaba, zenza izityalo zibune, zife. I-Wireworm zenza umonakalo ngexesha zisencinci, yona iblack maize beetle yenza umonakalo xa selezindala izityalo.

Izinambuzane ezisencinci zase Ntshona Koloni igrain worm kunye ne Sandveld grain worm zenza umonakalo kwingcambu neziqu eNtshona Koloni. Kwi phondo lase Ntshona Koloni igrain worm iye ihlasele emveni kwemvula ezinzima. Ukunyanga imbewu kunye nezenzo zesintu ezixhasa ukukhula kwezityalo kunye nemveliso yezithole zengqolowa xa zikhula zinceda ukwehlisa umgcipheko wezityalo kwezizi nambuzane. Ngalomzuzu azikho iikhemikhali ezibhalisiweyo zokulawula iWestern Province grain worm okanye Sandveld grain worm.

Ezihlasela Amagqabi kunye ne Siqu

I-Russian Wheat aphids zifumaneka kwindawo ezinemvula yase hlotyeni kweli lo Mzantsi Afrika. Zihlasela amagqabi nesiqu kwisityalo, yenza amagqabi ajike abemhlophe, tyheli okanye mfusa. Ukusebenzisa izichumisi ezinyamezelayo kwezinkumbi yeyona ndlela ingcono yolawulo. Xa kusetyenziswa ulawulo lwe khemikhali, amafama kufuneka aqinisekise okokuba asebenzisa imveliso ejongana ngqo nohlobo lwenkumbi, olwenza umonakalo kwifama.

Ezihlasela Iindlebe

I-Bollworm, brown ear aphid kunye ne oat aphid zithanda kakhulu ukuhlasela iindlebe zengqolowa. I-Bollworm yona yingxaki kakhulu eNtshona Koloni kunye nakumasimi wengqolowa ankcenkceshelwayo. Ezise ncinci zitya ichlorophyll yamagqabi, yenze kengoku izibhaxu ezimhlophe nemigca. Ezisencinci ziye zingene kwindlebe yengqolowa xa iqalisa ukukhula, yenze ilahleko kumyinge wezivuno kunye nokwehla komgangatho. Uthintelo lwe khemikhali kufuneka licingwe xa u 10% wendlebe esulelekile ngesinambuzane enye okanye ngaphezulu kwindlebe nganye.

Translated by Zikhona Plaatjie