Ukuvunwa noku Vuthwa kwee Avocado

© Photo courtesy of the California Avocado Commission

Kubalulekile ukwazi ukuba ii-avocado azivuthelwa emthini, koko kufuneka zikhiwe ukuze zivuthiswe kakuhle.

Ungazikha nini ii-Avocado

©Subtrop

Esi siqhamo sidinga ukukhiwa xa sele sivukhule ngokugqibeleleyo, ze sivuthwe xa sele sikhiwe. Ukuba sikhiwe singekagqibi ukukhula, esi siqhamo asizuku vuthwa koko sizakushwabana. Ukuze zibeku mgangatho ophezulu wokutyia, ii-avocado kufuneka zibe ne oli eli 10%. Ingahlolelwa ukukhula okugqibeleleyo ngaphambi kokuvunwa. Ubumanzi bungahlolwa kusetyenziswa izixhobo ezikhethekileyo ezibizwa nge moisture meters okanye ngokmisa iisampuli ezithile kwi oveni okanye kwi micrwave.

Ukuvunwa kwe Avocado

Ngokuxhomeke kwi ndawo yemveliso kwakunye nendidi yesityalo- ezivuthwa msinya nezivuthwa kade, ukuvunwa kwee avocado eMzantsi Afrika kungaqala ngenyanga ka Februwari nge Fuerte ze kugqibele ngenyanga ka Okthobha/Novemba nge Lamba Hass kunye ne Ryan. Sele kuveliswa iindidi ezintsha, kwaye ziyatyalwa ukwandisa isivuno se avocado. 

Ii-avocado zikhiwa ngesandla ze zithathwe zisiwe kwishedi yokupakisha, nalpho ziye zihlolelwe iziva kunye nokubetheka. Ziye zikalishwe ze zibekwe ngokwamanqanaba. Ziyahlanjwa ngento ethintela ukungunda kokutya. Ii-avocado zingapakishwa kumakhathoni, iitreyi okanye kwii plastiki, kuxhomekeka imakethi eziza kuthengiswa kuyo.

Ngalo lonke ixesha lokuvuna, lokuhlela, nokupakisha, ziyagadwa zingonakaliswa ziinzipho. Abasebenzi banxiba iiglavu ukuze bakhusele esi sityalo singonakali.

Ukugcinwa Noku Vuthwa Kwee Avocado

©Westfalia Fruit

Ii-avocado zase Mzantsi Afrika zithengiselwa amanye amazwe. Zithuthwa ngee nqanawe ukusuka eKapa ukuya e-Europe. Zihamba iintsuku eziphakathi kwe 14 ukuya kuma 25 ukuya kufika e-Europe. Ukucothisa ukuvuthwa, ezi avocado zigcinwa zipholile kwaye zithuthwa ngee container ezine friji kumaqondo obushushu alawulwayo (controlled atmosphere CA).

Xa indawo ezigcinwe kuyo ipholile, zithatha ixesha elide ukuvuthwa, kodwa ke kufuneka kuqatshelwe zingonakaliswa ngumkhenkce. Ii-avocado ezigqiba msinya ukukhula ezifana ne Fuerte, zichaphazeleka msinyane koku. Ukonakaliswa ngumkhenkce kungenzeka xa zibekwe kumaqondo angaphantsi kwe 5 °C. Oku kungabagela ukutshintsha kombala ngaphakathi. Umbala ungajika ube ngwevu okanye mdaka ze ibenama chokoza amnyama emaxolweni. 

Umbutho wabavelisi be avocado obizwa nge South African Avocado Growers’ Association (SAAGA) ucebisa amaqondo ama 6 - 7 °C kunye nokufudumala okungama 85 - 95 %. Amaqondo asi 7.5 °C azilungele iziqhamo ezilunga ekuqaleni kwexesha lokuvunwa. Ukukhawulezisa ukuthanjiswa kwesiqhamo, ii-avocado zigcinwa kumaqondo angama 20 - 25 °C kubushushu obungama 95% usuku olunye okanye ezimbini. 

Akufanelanga ii-avocado zigcinwe ixesha elide kwindawo egcine iibanana, ama apile okanye iikhaphetshu, njengoko I ethylene gas ephuma kwezi mveliso ingabangela ukutshintsha kombala ngaphakathi. Kodwa ke, ukuze zikhawuleze zivuthwe ekhaya, ii-avocado zingasongelwa ngephepha kunye nee bhanana, iintsukwana ezimbalwa.

Translated by Zizipho Silwana