Ukutyalwa kwe Thanga

© Louise Brodie

Ukwandisa

Ukwandiswa kwethanga kuqala ngembewu.

Indlela Yokutyala

Imbewu ingatyalwa ngesandla okanye ngomatshini bokutyala. Imbewu yethanga ityalwa ngqo kwimiqolo elungiselelwe ukutyalwa. Imbewu ifakwa kubunzulu bomhlaba obungama 2.5 cm ukuya kuma 3 cm. Kwisiza ngasinye sembewu, tyala iimbewu zibembini uziqelelanise umgama ongange 10 cm. Izithomo zethanga ezingapha komlinganiselo zingakhutshwa ze zityalwe kwenye indawo ukuba imbewu zombini zintshulile. Kungagcinwa leyo ibonakala yomelele kunenye.

Ukuqelelanisa

Izityalo kufanele ziqelelaniswe umgama ongama 30 cm ukuya kuma 40 cm kwimiqolo engama 120 cm ukuqelelana. Oku kuphakathi kwama 20 000 kunye nama 30 0000 amathanga kwi hekthare nganye.

Ixesha Lokutyala

Amathanga yimifuno yemozulu efudumeleyo. Ngoko ke, kufanele kutyale ekuqaleni kwexesha lase ntlazane ukuya esiphakathini sehlobo. eMzantsi Afrika ukulinywa kuqala ngenyanga ka Agasti nalapho amaqondo obushushu sele eqale ukunyuka emva kwexesha lase busika. Kwindawo apho kukho umngcipheko wokuqa kwe qabaka kunye namaqondo obushushu aphantsi asenokuba khona, kungaqaliswa ukulinywa ngenyanga ka Septemba. Ukulinywa kusenokuqalwa nangenyanga ka Disemba ukuba amaqondo obushushu asehlotyeni awekho ngaphezulu kwama 35°C njengesiqhelo.

Ixesha Lokukhula

Ixesha lokukhula kwethanga livamise ukuba phakathi kweeveki ezili 12 kunye nezili 15, ukusukela ngethuba kutyalwa imbewu ukuya kuma ngethuba amathanga okuqala sele elungele ukuvunwa.

Isichumiso

Qala ukulungisa umhlaba ozakutyala kuwo, kwisithuba senyanga phambi kokuba utyale. Ukuba umhlaba udinga isichumiso, ungaqala ngokugalela malunga nama 20 m³ ukuya kuma 30 m³ emanyolo okanye umgquba kwi hekthare nganye. Ungabe sele uhlakula umhlaba kubunzulu obungama 300 mm ukusuka ngaphezulu. Ungawushiya umhlaba ukuba udibane kakuhle nomgquba ze ulungise imiqolo yokutyala.
Xa sele imbewu sele izizithole ezivele ngaphandle, ungaphinde ugalele phakathi kwama 400 kg kunye nama 600 kg we 2:3:4 (30) kwi hekthare nganye apha ecaleni kwezityalo. Ungagalela initrogen okokugqibela eluhlobo lwama 250 kg eLAN (Limestone Ammonium Nitrate). Oku kufuneka kwenziwe kwisithuba seveki ezintlanu ukuya kwezintandathu emva kokutyala ukuze kuphuhliswe ukukhula kwesityalo xa sele amathanga okuqala sele eqale ukuntshula.

Ukunkcenkceshela

Ithanga lineengcambu ezinde, ezinye iingcambu zingakhula zifikelele kwimitha enye ukuba umhlaba utyebile kwaye ulungiswe ngendlela. Kwaye oku kwenza kubelula ukuba izityalo zimelane neqondo elithile lokunqongophala kwamanzi. Kodwa ke, kubaluekile ukuqinisekisa ukuba umhlaba uhlala ufumile. Nkcenkceshela malunga nama 25 mm ukuya kuma 35 mm amanzi ngeveki ngethuba lokukhula. Amanzi aneleyo ezingcanjini abalulekile ukuze iintyatyambo zikhule kakuhle nesiqhamo siphume kakuhle.

Translated by Zizipho Silwana