Ithanga

© Louise Brodie
Igama lesayensi: Cucurbita Moschata
Igama eliqhelekileyo: Ithanga

Inkcazelo Ngesityalo

Amathanga ayinxalenye yemifuno yosapho lwe cucurbit. Ezinye iindidi ze cucurbits ziquka imithwana, iicucumber kunye namathanga arawndi. Akhula anabe emhlabeni ze iziqu kunye namasebe akhule abezintabo eziphinyelayo. Esi sityalo sinamagqabi amakhulu amile okwentliziyo. Esi sityalo si monoecious, nto leyo ethetha ukuba zombini iimazi kunye neenkunzi zeentyatyambo zikhula kwisityalo esinye. Iintyatyambo ezizimazi zivelisa isiqhamo kwaye zinkulu kunentyatyambo ezi zinkunzi. Inkunzi zona azivelisi siqhamo. Esi siqhamo simbhuntshuntshu ukumila kwaye singqukuva kulendawo izele ziintanga.

Imisebenzi

Ithanga elikhule ngokupheleleyo linga rostwa kwi oveni, libiliswe okanye licujwe lenziwe isupu. Lisenonkonkxwa okanye lifakwe etotini. Lingumthombo we fayba, lisempilweni kakhulu kwaye lizele yi Khalsiyam, Vithamin A, C kunye no E. Amagqabi kunye neentyatyambo zingatyiwa njengemifuno ewodwa okanye adityaniswe neminye imifuno okanye iiproteni.

Iimfuno Zomhlaba Namalungiselelo Omhlaba

Amathanga, njengazo zonke izityalo zohlobo lwe cucurbits, athanda isanti eludaka ekwaziyo ukufunxa amanzi. Imihlaba ekutyalwa kuyo ezi zityalo kufanele ibenezinga eliphezulu lomhlaba ongenazi khemikhali. IpH yomhlaba kufanele ibe phakathu kwe 6 kunye ne 6.8. Ukuba umhlaba une asidi eninzi, galela ilime emhlabeni ngaphambi kokuba uhlakule ulime intsimi.
Qala ukulungisa umhlaba isithuba seveki ezintandathu ngaphambi komhla oceba ukutyala ngawo. Ukuba umhlaba upakishene, kucetyiswa ukuba umhlaba uvunguzwe kuqala. Ukuba sikhona isidingo, galela ilime, umgquba kunye okanye ne manyolo kwintsimi yonke uze uhlakule ngaxesha nye. Umhlaba uhlakulwa ufikelele kubunzulu obungama 300 mm ukuya kuma 400 mm ukuze kuxubane umgquba kunye ne lime. Kungcono uhlakule izihlandlo ezibini ukuze umhlaba uxubane kakuhle. Xa sele uhlakula okwesibini, hlakulela kwicala elahlukileyo kunelo lokuqala. Qiniseka ukuba umhlaba uyawuqhekeza kwaye uyalingana apha ngaphezulu.
Oku kunceda nokusiphula kwantsalela zokhula ezisenokuba zisentsimini. Kwintsuku ezimbalwa phambi kokutyala, intsimi ingaphinda ihlakulwe nge diski ukuze kusuke kwakhula besele lingathi lizama ukukhula. Emva koku imiqolo yokutyala ingaphakanyiswa kancinci ibezizidulana okanye ilaliswe ukulungiselela umandlalo apho imbewu yethanga izakuhlwayelwa khona.

Imozulu

Ithanga sisityalo esichuma kwimozulu efudumeleyo. Ngoko ke, kufuneka kutyalwe entlazana kunye nasekuqaleni kweenyanga zehlobo. eMzantsi Afrika lamaxesha aqala kwinyanga ka Agasti ukuya kweka Disemba. Esi sityalo sinochuku kakhulu kwiqabaka kwaye ithuba ukuhla ithuba elide kumaqondo obushushu angaphantsi kwesi 4°C angazibulala ezi zityalo. Lo gama isityalo sethanga singafunyanwa kakhulu ngamaqondo obushushu angaphaya kwama 35°C (Oku kwandisa amathuba okukhula kwentyatyambo eyinkunzi nengathwali siqhamo) okanye amaqondo obushushu angaphantsi kwe 12°C (oku kucothisa okanye kumise ukukhula nokuphuhla kwesityalo).
Ithanga lingatyalwa ukusukela kwinyanga ka Julayi okanye ngenyanga ka Februwari. Amaqondo obushushu alungele ukuntshula kwesi sityalo ngama 20°C ukuya kuma 30°C ze awona alungele ukukhula kwesi tyalo ibengama 22°C ukuya kuma 32°C emini ze ebusuku ibengamaqondo obushushu angekho ngaphantsi kwe 16°C.

Iindidi Zesityalo

iApollo, iArela, iAtlas, iCarmela, iCosmos, iPilgrim, iPluto, iSheba, iTitan, kunye neWaltham ezi ke zindidi zokuqala nezizizo zethanga. Zikwakhona ke nezinye iindidi ezisandula kufika zamathanga ezifana ne Barbara.

Translated by Zizipho Silwana